Big future UMbekezeli Mbokazi ngomnye wabadlali abaza kunceda aBafana Bafana xa bedibana neZimbabwe neRwanda.
Image: Phakamisa Lensman/BackpagePix
Emva kwemidlalo esibhozo uMzantsi Afrika uzibhaqa unyanzelekile ukuba uyiphumelele yomibini imidlalo eshiyekileyo ngenxa yempazamo encinci - kodwa eyenze umonakalo ongenambaliso.
ABafana Bafana bebekade beneshumi elinesixhenxe lamanqaku kwindawo yokuqala kuGroup C - kodwa baneshumi elinesine ngoku emva kokuba iFIFA ithathe amanqaku amathathu ngenxa kaTeboho Mokoena owadlaliswa enamakhadi atyheli amabini.
Ngoku balingana neBenin enamanqaku alishumi elinane - kodwa ethe kratya ngegowuli elinye. Lo nto yenza aBafana Bafana banyanzeleke ukuba baphumelele xa bedibana neZimbabwe emdlalweni ohlakulela itumente yehlabathi ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoLwesihlanu, eMoses Mabhida Stadium.
Kanti ngoLwesibini weveki ezayo, baza kudibana neRwanda emdlalweni oza kube useMbombela Stadium, eNelspruit. Abantu abaninzi batyhole umanejala ngokungakhali kulo mba kaMokoena - kodwa uHugo Broos uvale ingxoxo ngelithi makugxekwe wonke umntu kuquka yena nomdlali ngoba zange bawenze umsebenzi wabo.
Okubalulekileyo ngoku kuBroos kukuqinisekisa ukuba abadlali bakhe badlalela ukuyibetha kakhulu iZimbabwe ukuba ithuba liyavela. Injongo yakhe kukuya emdlalweni wokugqibela umcimbi sowucalanye. Emidlalweni esibhozo, iZimbabwe zange yaphumelela namnye umdlalo.
Ibethwe kane yaphinda yadlala ntanganye kweminye emine. Bonke abadlali bazilungiselela enkampini ngaphandle kukaRelebohile Mofokeng no-Iqraam Rayners abonzakeleyo. Kufakwe uEvidence Makgopa noMduduzi Shabalala kwiindawo zabo.
"Akukho nemfuneko yokuxelela abadlali ukubaluleka kwemidlalo esijongene nayo. Wonke umntu uyazi ukuba uMzantsi Afrika wagqibela kwiminyaka eyi24 eyadlulayo ukuziyela kwiFIFA World Cup.
"Imeko yethu iguqukile ukusukela mhla sithathelwe amanqaku amathathu," utshilo uBroos okufuna shushu ukuya kwiNdebe yeHlabathi phambi kokuthatha umhlalaphantsi. Kunyanzelekile siyiphumelele imidlalo ezayo. Ukuba singabetha iZimbabwe izinto zingalula ngoba iBenin ngeke ibethe iNigeria neRwanda," utshilo umqeqeshi.