ULuke Baartman noAsanele Velebhayi bakhululekile emva kokuba iSafa ilichithile ityala ebelifakwe yiCape Town Spurs.
Image: Facebook
Nangona iCape Town Spurs idlala kwinqanaba elisezantsi, iABC Motsepe League, kodwa ikwazile ukuzigcina isematheni ngokulwa neKaizer Chiefs eyathatha abadlali bayo phambi kokuqala kwesizini entsha.
Amakhosi atyikitye uAsanele Velebhayi noLuke Baartman kwinyanga edlulileyo simahla ngoba kwaye kwatshitsha isivumelwano ebesikhona kuba iCape Town Spurs yathotyiselwa ezantsi.
Zange bakholwe abaphathi bayo, bamangalela abadlali abaye baphumelela emva kokuba ikomiti yePSL yathi bangayidlalela iKaizer Chiefs. Emva kokungoneli, iCape Town Spurs eyabalekela kwiSafa.
Nayo ithe iVelebhayi noBaartman mabadlalele iChiefs ngoba abanaso isivumelwano esibophelelayo neqela abasuka kulo. Ngoku aba badlali babini bakhululekile ukuba bangayidlalela iChiefs abangekayidlaleli ukusukela oko bafika kuyo.
Eyona nto eyifunayo iCape Town Spurs kukuhlawulwa yiChiefs engazimiselanga ukwenza oko ngoba abadlali abanaso isivumelwano nayo. Eminyakeni egqithileyo, iChiefs yayizimisele ukubhatala - kodwa ayafuna ukubathengisa iCape Town Spurs.