Ezemidlalo

CAF Confederation Cup: Akubangakho eliphumelelayo phakathi kweChiefs neSimba

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abambene neAS Simba emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eTP Mazembe Stadium namhlanje emalanga.

Image: KC/Facebook

Amakhosi abuyela ekhaya egoqoza nenqaku elinye. Oku kwenzeke emva kokuba ebambene ngeqanda neAS Simba emdlalweni weCAF Confederation Cup obunzima eTP Mazembe Stadium namhlanje emalanga.

Abaqeqeshi basebenzise abadlali ababadlalise emdlalweni wokugqibela phambi kwekhefu leFIFA ngaphandle kukaFiacre Ntwari osikiweyo ngexa yokungafuni kwakhe ukuphuma emdlalweni obuseKapa kwiiveki ezidlulileyo. Kulindeleke ukuba iKaizer Chiefs imthawuzise emaplangeni kugekudala.

Ngelishwa amawakawaka abalandeli beChiefs khange bakwazi ukulibona iqela labo. Bancedwe ngamagqabantshintshi kwiTwitter onguX kule mihla. Ukungaphumeleli kwayo iChiefs, kuyayinyanzela ukuba iphumelele ngendlela ecacileyo emdlalweni oza kube useDobsonville Stadium kwimpelaveki ezayo.

Amakhosi kufuneka aphethuke kwangoko ngoba kufuneka alungiselele omnye umdlalo obalulekileyo phakathi evekini. Noxa isiqalo besisihle kwiBetway Premiership, Amakhosi alahle amanqaku emidlalweni edlulileyo.