Ezemidlalo

IPirates ifakwe endaweni emxinwa kwiCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

IPirates ibuyele ekhaya izikhotha amanxeba emva kokuba ibethwe yiSaint Eloi Lupopop ngempelaveki egqithileyo.

Image: Facebook

Ibuyele ekhaya iqwalela iOrlando Pirates ekuqaleni kwale veki. Oku kwenzeke emva kokuba itywatyushwe yiSaint Eloi Lupopo ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eStade Kibassa Maliba ngenjikalanga yangeCawa ephelileyo.

Ukubethwa kwePirates ibe ziindaba ezimbi kakhulu ngoba bekufuneka ibuye nenqaku elinye okungenani ukuze ingasokoli emdlalweni wesibini. Zibothusile abalandeli abaninzi eMzantsi Afrika ngoba iPirates inyukele eDemocratic Republic of Congo iqhuba kakuhle kakhulu.

Noxa omabini amaqela ebonakalise ukunxanelwa ukuphumelela kwisigaba sokuqala - kodwa yiSaint Eloi Lupopo ebhakuzelise umnatha kwangoko ngebhola efakwe nguWanet Kashala.

Iziqwayi zabadlali bePirates eziquka uDeon Hotto, uSipho Mbule, Evidence Makgopa noMasindi Nemtajela zizamile ukulwa zikhangela igowuli lokulinganisa kwisigaba sokuqala. Balile abadlali beSaint Eloi Lupopo abasebenzele ukugcina umdlalo uphantsi kolawulo lwabo futhi baqinisekisa ukuba iintshatsheli zeMTN8 azicholi naphantsi.

Ixesha lokuphumla linike iPirates ithuba lokulungisa iziphene namandla okuphumelela umdlalo obunzima. Ngokwenene bazamile abadlali bePirates bekhokelwa nguAbdeslam Ouaddou ozimiseleyo ukucangcatha emzileni oshiywe nguJose Riveiro ohambe kwisizini egqithileyo.

Emzuzwini wamashumi amathandathu anesithandathu, uDramane Kambou ufake igowuli yatsho yakhokela ngamabini iSaint Eloi Lupopo phambi kwabalandeli bayo. Igowuli lesithathu elingcwabe iPirates lifakwe nguJean Tukumbane sekuphela ixesha.

Ukuphumelela kweqela lebhola ekhatywayo laseDemocratic Republic of Congo kulinike ithuba elihle lokuya kumjikelo olandelayo weCAF Champions League. Kufuneka livale iPirates ingakwazi ukufaka amagowuli anokuyiphumelelisa.

Yona iPirates idinga umlingo ukuze yoyise iSaint Eloi Lupopo emdlalweni oza kube useOrlando Stadium, eSoweto - apho iza kuncediswa ngabalandeli bayo. Kufuneka ifake amagowuli amane ukuze ikwazi ukuphumelela. Ingenzeka ukuba abadlali bayo bazimisele - kodwa ingxaki baza kudlala neqela elinawo amava emidlalweni yeCAF.