UCedric Kaze uqinisekile ukuba iKaizer Chiefs iza kudlula kwiAS Simba emdlalweni weCAF Confederation Cup ngomso.
Image: Backpagepix
Nangona iKaizer Chiefs inethuba elide ingasaphumeleli - kodwa umqeqeshi wayo uqinisekile ngokuqhuba kwayo kakuhle emdlalweni ongempelaveki.
UCedric Kaze ukuvakalise oku ngethuba ethetha neentatheli kule veki eGoli. IChiefs ibila isoma enkampini eNaturena - apho ilungiselela ukudibana neAS Simba emdlalweni weCAF Confederation Cup oza kube useDobsonville Stadium ngentsimbi yesithathu ngoMgqibelo.
Amakhosi aya emdlalweni wangomso enyanzelekile ukuba aphumelele emva kokudlala ntanganye neSimba emdlalweni wokuqala eDemocratic Republic of Congo. Amakhosi akabonakalisanga ukuba bukhali emdlalweni weBetway Premiership abembene kuwo neSiwelele FC phakathi kule veki.
Nangona kunjalo, umqeqeshi wawo uqinisekile ngokudlulela kwawo phambili kwiCAF Confederation Cup. Ingxaki enkulu ejamele Amakhosi kukungakwazi ukusebenzisa amathuba emidlalweni.
ECongo ebenawo amathuba angakwazanga ukuwasebenzisa. Naphakathi evekini, akakwazanga Amakhosi ukubetha iSiwelele emdlalweni obuseFNB Stadium amathuba okuthatha amanqaku ekhona.
"Ibhola ekhatywayo inezinto zayo. Kunzima ukuvelisa iziphumo ezincumisayo ngamaxesha onke - kodwa yona indlela esidlale ngayo iyancomeka. Ibingagqibelela - kodwa ibintle," utshilo uKaze ethetha neentatheli kule veki. "Ndiqinisekile, iChiefs iza kudlulela phambili kwiCAF Confederation Cup," uvale ngaloo mazwi.
Ukuba Amakhosi akwazile ukuya phambili, aza kuqiniseka ngezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7-million) aza kuzifumana kwiCAF. Umdlalo ongazubakho ngenxa yokonzakala nguKhanyisa Mayo owonzakele emdlalweni ogqithileyo.