Ezemidlalo

uAbdeslam Ouaddou uyaziqhenya ngePirates noxa ikhutshiwe kwiCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

Yoyisakele ngomzuzu wokugqibela i'Orlando Pirates ekhutshwe yiSaint Eloi Lupopo kwiCAF Champions League.

Image: Independent Media

Nangona i'Orlando Pirates ingakwazanga ukufumana iziphumo ebizifuna - kodwa uAbdeslam Ouaddou uyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe.

Umqeqeshi uvakalise indlela aziva ngayo emva kokuba iPirates ibethe iSaint Eloi Lupopo ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe e'Orlando Stadium, eSoweto, ngoMgqibelo odlulileyo.

Emva komdlalo kuye kwanyanzeleka kuyiwe kwiipenela ukuze kubekho eliphumelelayo ngoba ebebambene ngo'3-3 emva kwemidlalo emibini. IPirates ybethiwe kwiipenela ngo'5-4 yaphuma kanjalo kwiChampions League.

Lize lihamba phambili ngo'3-0 iqela laseDemocratic Republic of Congo. Ukuze iPirates idlulele phambili, bekufuneka iphumelele ngo'4-0 engakwazanga ukumfumana. Nangona izinto zingayibambelanga kakuhle iBucs - kodwa ushiyeke enelunda umqeqeshi.

Uthe iqela elidlale kakuhle lelingakwazanga ukuya phambili kwiCAF Champions League "Asenzanga ngokwaneleyo ukuze siye kwiipenela eziyinxalenye yomdlalo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo kwiSABC TV.

"Abadlali bawenzile umsebenzi oncumisayo. Bekungekho lula ukusukela amagowuli amathathu ebesibethwe ngawo - kodwa bakwazile abadlali ukufaka amagowuli amathathu. Ayikho indlela endingabachaza ngayo abadlali ngaphandle kokuthi bakhaliphile.

"Benze umsebenzi omhle kakhulu emdlalweni. Yonke into ebilindelekile kubo bayenzile namhlanje. Iqela eligqwesileyo lelona elishiyekayo. Ndiyavuyisana neqela eliphumeleleyo. Kubi ukuphuma kweqela elifana nePirates kwiChampions League," utshilo uAbdeslam Ouadou.