Ezemidlalo

UKaze uncoma abadlali abancede iKaizer Chiefs emdlalweni wayizolo

Pedro Mapelo|Published

UCedric Kaze uvakalise uchulumanco emva kokuba iKaizer Chiefs ibethe iAS Simba emdlalweni weCAF Confederatin Cup izolo eDobsonville Stadium.

Image: Itumeleng English/Independent

Emva kokuba Amakhosi eqhube kakuhle emdlalweni wayizolo, uCedric Kaze ubaqhwabele izandla abadlali bakhe - kodwa waphuma nababini abenze umahluko omkhulu.

Amakhosi atywatyushe iAS Simba ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eDobsonville Stadium emalanga izolo. Ukuze iKaizer Chiefs iye kwisigaba ekulindeleke ifumane imali ekwizigidi ezissixhenxe, bekunyanzelekile iphumelele ngoba zange kubekho qela eliphumeleleyo kowokuqala eLubambashi.

IChiefs igqagqanisele iSimba yafumana igowuli lokuqala kwimizuzu embalwa kwisigaba sokuqala. Ifolosi yaseNigeria efikayo, uEtiosa Ighodaro, ingcangcazelise umnatha emva kokudlalelwa ibhola entle nguGlody Lilepo obeyinkathazo emdlalweni.

Khange kube lithuba elide, uLilepo ufake elakhe phambi lokukhutshwa ngenxa yokonzakala. Elinye igowuli lifakwe nguZitha Kwinika odibene nebhola ebigotywe ngobuchule nguMfundo Vilakazi. Ifane yafumana igowuli lokubika iSimba ngempazamo eyenziwe nguMcCarthy.

UKaze uyincomile indlela u-Ighodaro noLilepo abayileqe ngayo iSimba. "Ibiyinjongo yethu ukuba nabadlali abaza kukhabela ezipalini phambili. Kusincedile ukuba nomdlali ofana no-Ighodaro onamandla futhi oyingozi emoyeni," utshilo umqeqeshi.

"Amendu kaLilepo awenzile umahluko kakhulu," utshilo umqeqeshi phambi kokuncoma uAsanele Velebayi noLebo Maboe abangene kwisigaba sesibini. Bobabini bayafika kwiChiefs - kodwa bakhe abadlaliswa ixesha elide. "UVelebayi noMaboe badlale kakuhle kakhulu," utshilo uKaze emva komdlalo.