Ezemidlalo

Ujingelwa lizembe umongameli weAthletics South Africa!

Pedro Mapelo|Published

UJames Moloi uza kunqunyanyiswa njengomongameli weAthletics SA ngenxa yesityholo sokuphatha kakubi imali.

Image: Facebook

Emva kwethuba elide kushukuxwa umba kamongameli weAthletics SA kumaqonga ohlukeneyo, isigqeba esilawulayo seSascoc side sasithatha isigqibo.

UJames Moloi, namanye amagosa alawula iAthletics SA, aphekwa esophulwa ngemibuzo yikomiti yezemidlalo ePalamente ekuqaleni kwalo nyaka. Kulapho kwabhenceka khona ukungaphathwa kakuhle kwezimali zombutho weembaleki eMzantsi Afrika.

UMoloi, oyintloko yombutho weAthletics SA, wabuzwa ngendlela ikhadi lebhanki (credit card) awalisebenzisa ngayo phakathi kwenyanga yokugqibela ka2022 nenyanga yokuqala kunyaka ka2023.

Watyholwa ngamalungu wePalamente ngokuthenga utywala, iimpahla zamanenekazi nokuya phesheya namanenekazi ngemali yeAthletics SA. Zange akhanyele uMoloi ngoba kwakukho ubungqina obabonisa ukusetyenziswa gwengxa kwekhadi lebhanki.

Umbutho olawula imidlalo, iSA Sports Confederation and Olympic Committe (Sascoc), uvakalise iinjongo zawo zokumsika uJames Moloi kude kuqosheliswe uphando. Ingxelo ekhutshwe yiSascoc ithe uMoloi uza kunikwa izizathu zokunqunyanyiswa kwakhe ngomhla wokugqibela kule nyanga yeDwarha.

"Ikomiti yoluleko inikwe igunya lokuphanda namanye amalungu esigqeba esilawulayo iAthletics SA. Njengokuba umongameli eza kuthi gu bucala, indawo yakhe iza kubanjwa nguJohn Mathane olisekela lakhe.

"Emva kokufumana iingcebiso ezisemthethweni, iSascoc iza kumnqumamisa uMoloi emva koko imnike nezizathu eziphembelele isigqibo. Uza kubhalelwa incwadi acelwe ukuba anike izizathu ezingathintela ukunqunyanyiswa kwakhe," itshilo ingxelo yeSascoc.

UMoloi ebekhokela iAthletics SA okwesibini emva kokonyulwa kwinyanga kaCanzibe kulo nyaka. Akukacaci nokuba uza kulikhaba na uMoloi inyathelo elithathwe yiSascoc.