UMami Diale ngumongameli omtsha weNetball South Africa emva kolonyule obelubanjelwe eGoli kwiveki ephelileyo.
Image: NSA
Osesikhundleni esiphezulu, uMami Diale, unethemba lokuthatha umdlalo womnyazi awubeke endaweni ebhetele xa efinca iminyaka emine ezayo.
UDiale ukuvakalise oku emva kokuba enyulwe enkomfeni wangumongameli weNetball South Africa kwimpelaveki edlulileyo. Oku kwenzeke nangona uCecilia Molokwane ebesazama ukubuyela esikhundleni sakhe emva kokunqunyanyiswa iinyanga eziliqela kungade kucace kakuhle akwenzileyo.
Nangona kunjalo, iNetball South Africa yonyule isikhokelo esitsha ngaphandle kwengxaki. UDiale ebekhuphisana nabantu abaziwayo emdlalweni womnyazi abaquka uNompumelelo Vavu waseBuffalo City noAnnelie Lucas waseCape Winelands kulonyulo ebelubanjelwe eGoli.
"Ndicinga ukuba imisebenzi endiyenzileyo iyandixela ukuba ndingumntu onjani," utshilo uDiale emva kokonyulwa kwakhe kwiveki ephelileyo. "Ndingomnye wabalawuli ababeke umnyazi kwindawo okuyo namhlanje ngokuza neenkqubo nemigaqonkqubo ezise utshintsho.
"Injongo yam kukuthatha umdlalo womnyazi ndiwubeke endaweni ebhetele ndisebenzisana nabantu bonke," utshilo uDiale. "Abandivoteleyo nabantu abangandivotelanga, sonke sinoxanduva lokubeka umnyazi phambili," utshilo uDiale uneminyaka engamashumi amabini engumlawuli.
Abanye abonyuliweyo baquka uKhosi Dlamini olisekela likamongameli, uLana Kringe, uDumisani Chauke, uMagriet Bester noClaudine Classen abangabalawuli. UDiale uthe ukusebenzisana nabaxhasi beNetball SA nokukhathalela abadlali zezona zinto eziphambili kubo besisigqeba esiphetheyo ngoku.
Emva koko uxele izinto afuna zenziwe. "Sidinga iNetball League yamantombazana. Sihlaba ikhwelo kubaxhasi ngelithi mabasondele basixhase. Amaqela abadlali abasakhulayo (Under-19, 20) neqela lesizwe elikhulu abalulekile kuthi.
"Kwezi nyanga zokugqibela zonyaka, besicinga ukuba lixesha elihle lokudibanisa abadlali ndawonye ukuze bakhuphisane," itshilo inkokeli entsha yeNetball SA. Akukacaci okuza kwenzeka kuCecilia Molokwane owasikwayo nongekabekwa tyala emva kweenyanga ezininzi esusiwe esihlalweni.