Akasekho emhlabeni uSive Tshaka emva kokuhlatywa ngempelaveki egqithileyo eMkhubiso.
Image: Facebook
Umdlalo wombhoxo uthiwe wambu lilifu elimnyama emva kokubhubha komdlali weFort Beaufort United okothusileyo. Iindaba zokuwa kukaSive 'Richie McCaw' Tshaka zivakele ekuqaleni kwale veki emva kwemidlalo ebibanjelwe ePolice Park Stadium, eMonti, ngoMgqibelo odlulileyo.
Ukusweleka kukaTshaka waseXesi kuqinisekiswe liqela lakhe lombhoxo kwingxelo ebithe tshitshilili kumakhasi onxibelelwano. Kuthiwa uSive uhlatywe wabhubha kwindawo yolonwabo eMkhubiso - apho akhulele khona waphinda waqala kuyo umbhoxo.
URichie McCaw uchazwe njengomdlali obezimisele liqela lakhe, iFB United. Nangona ebesemtsha kwiqela lakhe - kodwa igalelo lakhe linconyiwe (kwiFB United) ngethuba lithatha inxaxheba kwiSuper 14 ebisekuqaleni kwalo nyaka.
"USive uncede iqela lafikelela kwisigaba sokugqibela kwiSuper 14. Ebengumdlali obalulekileyo kakhulu eqeleni futhi ebethandwa ngoogxa bakhe ngenxa yokuzimisela kwakhe ebaleni," itshilo ingxelo ekhutshwe yiFB United. Isehlo esibi sehle emva kokuba iFB United ibethe iProgress emdlalweni weBrutten adlalileyo kuwo.
"Sakuhlala simkhumbula ngencoko yakhe ehlekisayo nangendlela ebedlala ngayo ebaleni. Sithumela amazwi ovelwano kwikhaya lakhe nakuwo onke amaqela awadlaleleyo akuqala iSparrows Rugby Club. Yanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo," itshilo ingxelo ekhutshwe yiFB United atshone eyidlalela.
Omnye wabahlobo bomdlali oswelekileyo, uZinzie Mhesele, uvakalise ukukhathazeka kwakhe ngethuba ethetha nentatheli yeli phephandaba emva kwesiganeko esishiye abaninzi bonzakele ezintliziyweni. "USive ebengumntu onobuntu futhi ebebathanda abantu bakowabo," utshilo uMhesele ekhathazekile.
"Ukufa kundivele ngasemva. Ibingumntu onembeko uSive ozithandela abantu nokonwaba. Usithandile sonke la mfo embhoxweni. Ungayijonga imifanekiso emidlalweni yombhoxo, ukhona kuyo yonke ngoba ebethandwa ngumntu wonke.
"Ebaleni ebengakuthandi ukubethwa. Mna ndingathi ebefana nokuba ungumninawe wam. Kuwe indoda endingathetha kuse ngayo," utshilo uMhesele.
USive Tshaka usweleke eniminyaka engamashumi amathathu anesine (34).