UJayden Adams weMamelodi Sundowns naye uOswin Appollis weOrlando Pirates emdlalweni weMTN8 owawubanjelwe eLucas Moripe stadium ekuqaleni kwesizini.
Image: Itumeleng English/ Independent Newspapers
Kulindeleke ukuba uMzantsi Afrika ume ngxi ngempelaveki xa kudibana amaqela aphambili ebholeni ekhatywayo. Oku kuza kwenzeka xa iMamelodi Sundowns isamkela iOrlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership oza kube useLoftus Stadium ngentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo.
Ufika kamnandi umdlalo omabini amaqela eqhube kakuhle emidlalweni egqithileyo. Bekukubi kwiPirates ebethe iSaint Eloi Lupopo ngo'3-0 kodwa ayakwazi ukuya phambili kwiCAF Champions League ngenxa yokuphosa iipenela.
Nangona kube njalo, iPirates izibethele iMagesi FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCarling Knockout Cup obubanjelwe eOrlando Stadium kubusuku bangoLwesibini wale veki.
Ukuphumelela kwayo kubakhuthazile abadlali bayo iPirates ngoku enethuba lokuphumelela indebe yesibini kule sizini. Kufuneka iqule ide iligangathe ngoba iza kudibana neSundowns efuna ukubuyisa izitya ngoMgqibelo.
Isenesingqala sokukhutshwa yiPirates kwiMTN8 kwiinyanga ezidlulileyo yaphoswa nalishumi lezigidi zeerandi. Umoya uphezulu enkampini yeSundowns emva kokubetha iRemo Stars ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obusePitoli.
Kubaluleke kakhulu ukudlala kakuhle kwiSundowns emdlalweni ongempelaveki ngoba ifuna ukubethelela indawo yayo phezulu kwiBetway Premiership. Ngaphezulu koko, inoxanduva lokuxolisa abalandeli bayo abasantywizisayo emva kokungakwazi ukubetha iPirates emidlalweni emibini yeMTN8 ekuqaleni kwesizini.
Omabini amaqela adlala ngendlela encumisayo kakhulu. Ngaphandle kwamathandabuzo umdlalo uza kutaka iintlantsi. Omabini amaqela aza kungena ebaleni efuna ukuphumelela. IPirates iza Kubeka ithemba layo kubadlali abafana noPatrick Maswanganyi, Oswin Appollis noMoremi oyingozi kakhulu.
Kanti yona iDowns iza kuxhokonkxa ngabadlali abafana noPeter Shalulile, Iqraam Rayners noTeboho Mokoena oyinjini esiswini. Ukuba iPirates iphumelele, iza kulingana ngamanqaku neSundowns.