UTHINASONKE Mbuli obambe izintambo kwiBanyana Banyana njengoba izobhekana neDemoractic Republic of Congo kowokuhlungela iWafcon.
Image: BACKPAGEPIX
Umqeqeshi obambeleyo, uThinasonke Mbuli, ubancome kakhulu abadlali bakhe emva kokwenza umsebenzi oncomekayo izolo ebusuku.
ABanyana Banyana bazibeke indawo kwiWAFCON ekunyaka ozayo emva kokuba bebathe iDemocratic Reblic of Congo ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obubanjelwe eDobsonville Stadium.
Emdlalweni wokuqala kwiveki ephelileyo, akubangakho qela elifuna ukubethwa ngoba uphele ebambene ngegowuli elinye. Igowuli elinye izolo linike uMzantsi Afrika impumelelo ka2-1.
Bekunzima kakhulu emdlalweni - kodwa igowuli elifakwe yifolosi eyingozi, uThembi Kgatlana, liwuwezile uMzantsi Afrika oza kusebenzisa iWAFCON njengeqonga lokufumana indawo kwiFIFA Women's World Cup elandelayo.
ABanyana Banyana bangene ebaleni izolo nomyalezo ocacileyo othi makungafakwa gowuli kubo. Emva komdlalo, uMbuli ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ngokwenza umsebenzi oncomekayo. "Bendikhe ndatsho ukuba kufuneka siwuphumelele umdlalo," utshilo umqeqeshi echwayitile.
Itumente ikunyaka ozayo - kodwa iqela lesizwe lamanenekazi kufuneka liqale kwangoko ukwenza amalungiselelo. Kuza kuba nzima ngoba uDesree Ellis usagwayimbile ngenxa yeSafa engekamniki imali ayifunayo phambi kokuba atyikitye isivumelwano esitsha.
Ngenxa yalo nto, iqela lesizwe lamantombazana lidlale ngaphandle kwakhe emidlalweni emibini. "Sinethemba lokufumana imidlalo yobuhlobo esiza kulungiselela ngayo iWAFCON. Kufuneka sizame ngoba abadlali bethu baza kube bengenzinto xa kuphela unyaka," utshilo uMbuli obambeleyo.