Ezemidlalo

UKriel noWilliams bathi sibalulekile isiqalo esihle kuMabhokobhoko

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neJapan emdlalweni wovavanyo oza kube useWembley Stadium ngoMgqibelo.

Image: Springboks Facebook

Abadlali abaphambili kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika, uJesse Kriel noGrant Williams, bathi kubaluleke kakhulu ukuqala imidlalo yotyelelo eYurophu ngendlela entle.

Bakuthethe oku phambi komdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi koMzantsi Afrika neJapan oza kube useWembley Stadium, eLondon, ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo.

Amabhokobhoko antingele eYurophu imimoya isephezulu emva kokuba ekhusele indebe yeCastle Lager Rugby Championship kwiiveki ezigqithileyo. Phambi kokuphakamisa indebe, uMzantsi Afrika ucambalalise amazwe aquka iAustralia, Argentina neNew Zealand.

Nangona kunjalo, amaqela asemantla ehlabathi anawo amandla embhoxweni futhi asoloko enxanelwe ukuzibetha iintshatsheli zehlabathi. "Sijongene nomdlalo obalulekileyo kuthi ngoba sifuna isiqalo esihle. Iingqondo zethu zikuwo ngokupheleleyo ngoba sifuna iziphumo ezihle," utshilo uJesse Kriel.

Uvumile ukuba umdlalo uza kuba nzima ngoba iJapan inabadlali azanayo nabo kumaqela ombhoxo. "Kumnandi ukudlala nabadlali oqheleneyo nabo. Ndidlale umbhoxo iminyaka esixhenxe eJapan. Kuza kubamnandi ukudibana nabantu endiqhele ukudlala nabo.

"Ukwazana nabo kukona okuza kwenza kubekho uchatha emdlalweni. Kunyanzelekile ukuba sidlale kakuhle ngoba siza kube sizama ukuthintelana kwelinye icala," utshilo uKriel olelinye lamathemba kaRassie Erasmus.

Yena uWilliams uza kudlala okokuqala neJapan emdlalweni wovavanyo ukusukela oko wadlalela iqela lesizwe kule minyaka embalwa ekulo. "Yinto enkulu kum ukuchongwa njengomnye wabadlali beSpringboks. Ndiwujonge ngamehlo abomvu umdlalo," utshilo uWilliams kule veki.

"IJapan idlala umdlalo obalekayo oza kuvumelana neWembley Stadium. Abadlali beJapan badlala kakuhle futhi kuyandivuyisa ukudibana nabo. Onke amaqela afuna ukuqhuba kakuhle xa edlala nathi.

"Siyazi ukuba nayo iJapan iqhube kakuhle emidlalweni yayo. Siyibukele imidlalo eyidlalileyo iJapana futhi sikulindele ukudibana nayo," uvale ngaloo mazwi uGrant Williams.