Amabhokobhoko avuthulule iJapan emdlalweni wovavanyo obuseNgilane.
Image: Springboks/Facebook
Emva kokuvuthulula iJapan emdlalweni wokuqala eYurophu, iintshatsheli zehlabathi embhoxweni zithumele umyalezo ocacileyo kumazwe aseza kudlala nazo othi aza kudibana neembila zithutha.
Amabhokobhoko azicacisile kwakhona ngokungomba iJapan ngo'61-7 emdlalweni wovavanyo obubanjelwe eWembley Stadium, eLondon, emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
IJapan, eye kwixesha lokuphumla ihamba emva ngamanqaku asondele kumashumi amathathu, ikwazile ukufumana umnqongo wetrayi efike yabika ngayo ekhaya. Emva komdlalo, uRassie Erasmus uliqhwabele izandla iqela lakhe nangona evumile ukuba umdlalo ubungagqibelelanga ngendlela afuna ngayo.
"Masilincome lonke iqela. Abanye abadlali abadlalileyo banethuba elide bagqibela ukudlalela iqela lesizwe," utshilo uRassie. UGerhard Steenekamp, uFrance Mostert, uJohan Grobbelaar, Andre Esterhuizen noZachary Porthen ngabanye babadlali abafumene ithuba lokudlala umdlalo wovavanyo okokuqala kwiqela lesizwe eliza kudlala imidlalo emininzi kutyelelo oluseYurophu.
"Ukuba umntu angajonga umdlali ofana noSacha Feinberg-Mngomezulu, olele emgceni kabini, waqala ukudlalela iqela lesizwe kwiminyaka emithathu eyadlulayo emva kokusebenza nabaqeqeshi ngala nyaka.
"Namhlanje umdlalo wethu ubungemhlanga ncam ngoba bekumanzi ebaleni. USacha udlale kakuhle ku10, uqabelise kakuhle iibhola ngonyawo lakhe elinemilingo. Ndingatsho ukuba uSacha, uManie Libbok noHandre Pollard badlala kakuhle kakhulu kula ndawo," utshilo uRassie ogxeleshe ukubetha iFrance emdlalweni olandelayo.
"Noxa bekungekho nto esiyenze ngokugqibeleleyo - kodwa ndonelisekile yindlela abadlale ngayo abadlali. Siyazi ukuba izinto ziza kwahluka xa sidibana neFrance ebaleni layo. Nangona kunjalo, ndicinga ukuba sineqela elinamandla futhi elikulungeleyo ukuqubisana nokuba leliphi iqela.
"Sayibetha ngo2023 kwitumente yehlabathi - kodwa umdlalo wawubambene. Nakubeni sizama ukwakha iqela - kodwa kufuneka simane sikhumbuzana ngeFrance enamandla," utshilo umqeqeshi woMzantsi Afrika.