UVusumuzi Vilakazi uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokuba AmaZulu ebethe iChippa United emdlalweni weBetway Premiership obuseMonti.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
UVusumuzi Vilakazi usenalo ithemba lokuhlanguleka kweChippa United noxa ebethiwe emdlalweni wakhe wokuqala.
Oku ukuvakalise emva kokuba AmaZulu engombe iChippa United ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium kwimpelaveki egqithileyo.
Nangona umdlalo ulawulwe yiChippa kwisigaba sokuqala - kodwa ayikwazanga ukufumana amanqaku emva kokuba uGoodman Mosele engayifakaga ipenela evalwe ngunozinti emzuzwini wesibhozo.
Amagowuli afakwe nguPule Ekstein noAthini Mqokozo anike AmaZulu amanqaku amathathu atsho anyukela kwindawo yesihlanu kwiBetway Premiership, logama yona iChippa United ihleli emsileni kwindawo yeshumi elinesithandathu.
"Mandivume ukuba iingxaki ezihlasele iqela ngaphambili ngeke zisuke ngosuku olunye. Emdlalweni esiphuma kuwo sithatha okuhle kuphela. Umdlalo siwuqale kakuhle futhi isiqingatha sokuqala silawulwe sithi," utshilo uVilakazi.
"Ukuba besikwazile ukufaka ipenela, ngesithetha enye into - kodwa andigxeki umdlalo oyiphosileyo," utshilo uVilakazi kwiintatheli ezilinde ixesha elide zingahoywa yiChippa United. Ibingumdlalo wokuqala kaVilakazi obethwe liqela asebenze kulo kwisizini egqithileyo KwaZulu-Natal.
Uneeveki ezimbini efikile kwiChippa emva kokuba igxothe uLuc Eymael oyishiye isahleli emsileni. Iingxaki zeqela laseMpuma Koloni zaqala mhla lagxotha uSinethemba Badela emva kwemidlalo emibini emva koko lalandelisa uMusa Nyatama eqeqeshi emdlalweni omnye kuphela.
"Ukufumana igowuli ngekube kuhle kakhulu kuthi. Asidlalanga kakuhle kwisigaba sesibini ngoba kuye kwafakwa amagowuli kuthi," utshilo umqeqeshi emva komdlalo. "Mhlawumbi kufuneka sifunde ukuvala emva ukuze izinto zethu zilunge.
"Ngaphezulu koko, kufuneka sisebenzise amathuba wethu ukuze siphumelele. Sizimisele ukulwa xa sidibana neMagesi FC emdlalweni olandelayo. Kunyanzelekile abadlali balwe ngamandla ngoba akekho umntu oza kusonyula kwingxaki esikuyo.
"Andifuni ke ukubeka umthwalo omkhulu kubadlali ngoba sifuna baphumelele ngoLwesibini. Kufuneka silungise iimpazamo esizenzileyo emdlalweni wanamhlanje ngapha koko abadlali bayaqala ukuswabuluka nokudlala ngendlela efunekayo," utshilo uVilakazi.