Amajombos angombe iBolivia ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weWorld Cup izolo.
Image: Safa Media
Iqela lesizwe loMzantsi Afrika liza kudibana neQatar likhuthazekile emva kokuzenzela imbali kwitumente yehlabathi.
Amajimbos avuthulule iBolivia ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni wokuqala weFIFA Under-17 World Cup obuseAspire Zone Complex, eDoha, emalanga ngoMvulo wale veki.
Ngokwenza njalo, Amajimbos azenzele imbali ngokuba liqela lesizwe lokuqala (kwibhola ekhatywayo) eMzantsi Afrika eliphumelele umdlalo walo wokuqala kwitumente yehlabathi. Impumelelo iwanike amandla Amajimbos agxeleshe ukunqwamza iQatar eyophisayo.
Amakhwenkwe kaVela Khumalo aphumelele umdlalo wokuqala nangona edlale umdlalo engaphelelanga ngenxa yekhadi elibomvu elinikwe uSive Pama.
Kwilinge lokuqala ngo2015, Amajimbos abethwa emidlalweni emibini adlala ntanganye komnye kwiFIFA World Cup. Kulo nyaka izinto zahlukile ngoba azimisele ukutshayela yonke into ephambi kwawo.
Amagowuli aphumelele ngawo Amajimbos afakwe nguEmile Witbooi kwisigaba sokuqala, uNeo Bohloko noShaun Els ofake elesithathu sekuphela ixesha. Umqeqeshi uwancomile kakhulu amakhwenkwe wakhe emva komdlalo.
"Uhlalutyo esilenze kwiBolivia beluchanekile. Into esiphazamisileyo ibe kukukhutshwa komdlali wethu emdlalweni. Lo nto iye yasinyanzela ukuba senze iinguqu ebaleni," utshilo uKhumalo onwabile emva komdlalo.
"Sidale amathuba ngendlela encomekayo ngoba abadlali bethu bayiqonda kakuhle into efuneka kubo. Ndiyazingca kakhulu ngomsebenzi abawenzileyo abadlali bethu," utshilo umqeqeshi emva kokuba Amajimbos enze imbali.
Umqeqeshi namakhwenkwe wakhe kufuneka balibale msinya ngokwenzeke emdlalweni ogqithileyo ngoba kufuneka balungiselele ukudibana neQatar emdlalweni wesibini osemalanga (17:45) ngoLwesine wale veki.
Kunganzima ukudlala neQatar phambi kwabalandeli bayo, ngakumbi emva kokuba ibethwe yi-Italy emdlalweni wokuqala. UMzantsi Afrika unyanzelekile uphumelele ukuze ukwazi ukuqinisekisa indawo yawo kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi. Kwangosuku olunye, iBolivia iza kudibana ne-Italy.