UMiguel Cardoso ngumqeqeshi oyintloko weMamelodi Sundowns.
Image: Itumeleng English Independent Media
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uzichaze njengezibubuvuvu iimbono ezithi uye emdlalweni ogqithileyo efuna ukungabethwa ngaphezulu kokuphumelela.
Oku ukuveze emva kokuba iSundowns idlale ntanganye ngegowuli elinye macala ne'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLoftus Stadium kwimpelaveki edlulileyo.
UPeter Shalulile uqhufuze iqanda kwangoko kwisigaba sokuqala - kodwa uCamren Dansin uphendule ngegowuli elihle elincede iPirates.
Emva komdlalo, uCardoso izikhabile izimvo ezithe iDowns ibidlalela ukungabethwa yiPirates watsho esongeza ngelithi iqela lakhe liqhube kakuhle ngoba bebengekho abadlali abasibhozo athembele ngabo. Ngumdlalo wesithathu weBetway Premiership edlala ntanganye la maqela omabini kule sizini.
"Xa ungayijongi calanye indlela esidlale ngayo, uya kuphawula ukuba besikufuna ukuphumelela umdlalo. Ukuba ubukhona ngexesha lekhefu, ubungeva indlela endikubethelele ngayo ukudlalela ukuphumelela ebadlalini," utshilo uCardoso.
Inqaku elinye ligcine iSundowns ihleli phezulu. Ezantsi kwayo kuhleli iSekhukhune United, iPirates neKaizer Chiefs ngokulandelelana. "Bububhanxa le nto ethethwa ngabantu ethi mna ndingumqeqeshi odlalela ukungabethwa.
"Besidlalela ukuphumelela. Abadlali bam ndibangxolise kakhulu ngoba ngumdlalo esithethe ngokubaluleka kwawo iveki yonke. Iqela alikwazi ukuba kumgangatho oqhelekile libe linabadlali abangekhoyo ngenxa yokonzakala.
"Kodwa andikhalazi ngoba ndiyibonile indlela abalwe ngayo abadlali bam," utshilo umqeqeshi. Amasandawana aza kwamkela iTS Galaxy emdlalweni olandelayo eLoftus Stadium.
Iza kundwendwela ePitoli ikhuthazekile iTS Galaxy emva kokuba ibethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseMbombela Stadium, eNelspruit, kwimpelaveki edlulileyo. UCardoso udinga impunelelo ukuze iqela lakhe lihlale phezulu.