Abadlali nabaqeqeshi beLovedale College emva kokuphumelela indebe eQonce kutshanje. Umfanekso: Uthunyelwe
Ayinantanga iLovedale TVET emdlalweni wombhoxo eMpuma Koloni. Oku kucace gca emva kokuba igqugqise kwitumente yamaziko emfundo ekuthiwa yiE.C Pronvicial Ball Games esongwe kutshanje eDale College High, eQonce. Amaqela athathe inxaxheba kwitumente yalo nyhaka yiLovedale TVET College, iPE TVET College, iBuffalo City College, Ikhala College, Ingwe College, Eastern Cape Midlands College neKSD College. Amakhwenkwe weLovedale aphantsi kwesandla sikaSomila Kiva – ongomnye wabaqeqeshi bombhoxo abakrelekrele kwiphondo leMpuma Koloni. Phambi kokuphakamisa indebe, iLovedale College ibethe iMidlands ngo’20-0, yalandelisa ngePE College eyibethe ngo’36-6. Emdlalweni wesithathu, iLovedale ingombe iKSD College ngo’36-0 phambi kokunyathela iMidlands College ngo’38-7 emdlalweni wokugqibela.
Ethetha neli phephandaba emva kwetumente, uSomila Kiva, uthe itumente ifike iqela liyilungele ngoba banabadlali abasakhulayo abazimiseleyo futhi abaphuma emakhayeni anengqeqesho. “Itumente ifike sikwisimo esihle ngoba besidlale iitumente ekuqaleni konyaka. Kodwa ngaphezulu koko, amalungiselelo wethu enziwe lula ngabadlali esinabo abanembeko futhi abazimiselayo ebaleni. Kodwa ngeke ndiyilibale inkxaso esiyifumana kuMnu. uThembalethu Bhenuka, oyintloko yezemidlalo eLovedale College,” utshilo uKiva. Njengesiqhelo, iLovedale College iphume gqathu emva kokuphumelela nakwitumente ebibanjelwe eGqeberha kunyaka ophelileyo. Ngoku uKiva namakhwenkwe wakhe bajonge ukuya eNtshona Koloni – apho baza kumela khona iMpuma Koloni yonke kwiiveki ezizayo kwinyanga yoMsintsi.
“Ukwenza yonke into ngokubambisana kusincedile kwitumente esisuka kuyo. Abadlali babonile ukuba imidlalo enje ifuna umntu abekwisimo esihle ngokwasemzimbeni nasengqondweni. Kuncanywa izinto xa abantu befuna ukuphumelela. Sonke besilala ndawonye kuloo ngqele ngoba iingqondo zethu besizibeke empumelelweni ebesiyifuna,” utshilo uKiva, oncome uKapteni weqela njengomnye wabadlali abadlale kakuhle futhi ongumzekelo omhle kwabanye abadlali. “Ndibancoma kakhulu abadlali bethu phantsi kukaKapteni wethu, uLunathi “Ben 10” Ndita. Bezikhona izinto eziphazamisayo ebaleni – kodwa bebezilungisa ngokwabo abadlali. Sifuna ukuya kumgangatho ongasentla kwiPremier League ephantsi kweBorder Rugby kunyaka ozayo. Ndiyibulela kakhulu inkxaso esiyinikwe yiLovedale College nabafundi bayo,” uvale ngaloo mazwi uKiva.