Ezemidlalo

Ziyopha iintliziyo zabalandeli bePirates equthiswe siStellenbosch!!

Pedro Mapelo|Published

UDeon Hotto we-Orlando Pirates noKgaugelo Sekgota weStellenbosch FC emdlalweni weDStv Premiership obuseDanie Craven Stadium. Umfanekiso: Stellenbosch.

UDeon Hotto we-Orlando Pirates noKgaugelo Sekgota weStellenbosch FC emdlalweni weDStv Premiership obuseDanie Craven Stadium. Umfanekiso: Stellenbosch.

Igoduka isophisa i’Orlando Pirates equthiswe kabuhlungu ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obutshisa bhe eDanie Craven Stadium kubusuku banamhlanje. Abantu abaphume ngendlu beyokubukela umdlalo wanamhlanje bagoduke bekholiwe ngumgangatho womdlalo obuphezulu. Ziyopha iintliziyo zabalandeli bePirates – kodwa okuya kubaxoliswa yindlela entle iqela labo elidlale ngayo ebaleni nangona libethiwe. Into ebe yingxaki kukungakwazi ukusebenzisa amathuba acacileyo ewafumeneyo iPirates. Amanqaku amathathu asifanele iStellenbosch FC ngoba sisebenze kakhulu emdlalweni kwizigaba zozibini zomdlalo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iStellenbosch sihamba phambili ngegowuli elinye eqandeni. Igowuli lifakwe ngu’Antonio van Wyk onikelwe ibhola entle wayikhupha phantsi kwemilenze kaSipho Chaine.

Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu. Omabini amaqela asukelene – kodwa yiPirates ebinamandla kakhulu eDanie Craven Stadium ebithe mome abalandeli bayo abaninzi. Bekufanele ukuba iPirates iye kwixesha lokuphumla inamagowuli amabini ukuya kwamathathu. Idlale umdlalo omhle futhi ihlasela kakuhle – kodwa into engakwazanga ukuyenza kusebenzisa amathuba ewafumeneyo emdlalweni. UDeon Hotto, uPatrick Maswanganyi noMonnapule Saleng bawafumene amathuba okubeka iPirates phambili emdlalweni – kodwa abavuma abadlali beStellenbosch abadlale bephantsi koxinizelelo sonke isiqingatha sokuqala. Nangona kunjalo, iStellenbosch ikwazile ukuyithintela iBucs ebisilwa. Ithuba elinye elicacileyo iStellenbosch elifumeneyo, sibhakuzelise umnatha kwathi cwaka ebaleni.

Abuyele ebaleni kwisigaba sesibini amaqela ahlaselana kwakhona. Ezimnyama ziphinde zaphokela kwicala lokudlala kakuhle ebaleni nakwicala lokudala amathuba emdlalweni. UThabang Monare noNdabayithethwa benze umsebenzi omkhulu esiswini bencediswa nguDeon Hotto kwicala lasekunxele. Into ebe sigunye ngayo iStellenbosch FC kukudlala kakuhle emva nangona besiyingozi xa sihlasela. Ukungena kukaKgaugelo Sekgota kuyinike amandla iStellenbosch ngoba ebeyingozi xa kuhlaselwa futhi elincedo xa kukhuselwa igowuli elifakwe nguVan Wyk kwisigaba sokuqala somdlalo. Izamile iPirates ukufumana igowuli lokulinganisa – kodwa ngelishwa layo, akwenzekanga oko nasemva kokuba ifake abadlali abafana noKatlego Otladisa, Evidenve Makgopa noMakhehleni Makhaula. Komnye umdlalo, AmaZulu abambene ngeqanda macala neRoyal Am emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium.