Ezoyolo

Ingxolo emva kokumiswa kokhuphiswano lukaMiss SA 2025!

Abongile Ginya|Published

Benze ingxolo abalandeli bakaMiss South Africa emva kokubona kuthe cwaka njengoko lisamisiwe olu khuphiswano.

Image: Tokollo Kgotho/Artwork Photography

Emva kokuba obengumphathi wendumasi yokuphiswano loonobuhle uMiss South Africa, uStephanie Weil, ethe kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo wabhengeza kwikhasi likaMiss SA ngokushiya phantsi kwakhe, oko kuye kushiye abathandi bolu khuphiswano bothukile kwaye bexhalabile. NgoMvulo kule iveki kubhengezwe ukumiswa kokhuphiswano lukaMiss SA.

Uninzi lushiyeke ludanile kwaye luphoxekile ziindaba zokuba uMiss South Africa akazokuqhubekeka kwinyanga ezayo kweyeThupha njengesiqhelo. Olu khuphiswano lubanjwa minyaka le ngenyanga yamakhosikazi yeThupha.

Ezi ndaba zibhengezwe emva kokuba abalandeli nabathandi benze isankxwe kwikhasi likaMiss SA besithi kuthe cwaka kwaye akukho zaziso kwanantshukumo malunga novoto emva kokuba kwavalwa izicelo ngenyanga kaTshazimpuzi. Abalandeli bathi ngeli xesha bekuba sele kuvotwa futhi kukho neenkcukacha.

Usuku olukhulu lokubanjwa kwalo msitho kaMiss South Africa kuthe lakuphinde laziswe, okwangoku alikachazwa. Wena unomdla ngolu khuphiswano ungaya kwikhasi labo umane uyojonga izaziso malunga nosuku.