UNelisa Mchunu ubuya njengoFikile kuZalo ukususela ngoLwesithathu, umhla wama24 kweyoMsintsi 2025.
Image: Uthunyelwe
Emva kweminyaka emine emkile, uNelisa Mchunu ubuyela kumdlalo kamabonakude othandwayo kuSABC 1, Uzalo, njengoFikile.
Ababukeli bagqibela ukumbona uFikile xa wayeshiya isithandwa sakhe ebejola naso ixesha elide sinentliziyo ebuhlungu sikhangela iimpendulo. Ngoku ubuya kwakhona engula Fikile unamaqhinga nobuqili. Ubuhle bakhe bendalo kunye nembali yakhe noSbu yinto emenza abenomtsalane kuSbu kangangokuba akukho nto anokuyenza ngaphandle kokumvumela ukuba abuyele ebomini bakhe.
UMchunu uthethe wenjenje ngokubuyela kwakhe kuZalo: "Into eninokuyilindela ekubuyeni komdlali endimdlalayo ngula mfutha ofana nangaphambili wobuBeyoncé kunye nohambo olunikeza umdla phakathi kukaFikile omdala noSbu omtsha.
"Uluvo lwam lwelokuba Uzalo lohlala ilikhaya lam lokuqala. Into endiyifunde kuZalo ihleli kum njengoko ndikhula kwaye ndifikelela kwinqanaba elitsha kumsebenzi wam. Ndiza kudibana kwakhona nabantu endibaziyo iminyaka kwaye ndonwabile ukudibana noogxa bam abatsha."
Ngethuba emkile kuZalo, uMchunu uye wavela kwiinkqubo zikamabonakude ezifana noMy Brother’s Keeper, Isifiso kunye noShaka iLembe. Ababukeli baza kubona uNelisa kuZalo ukususela ngoLwesithathu, umhla wama24 kweyoMsintsi 2025.
Abanye abadlali abazibandakanya noZalo nguMondli Nkomo oza kudlala indawo kaMnu Dongwe kunye noJamy Lee Simons odlala indawo kaJoanne.
Umntu odlalwa nguSimons, uJoanne Davids ngumama kaAshley kwaye uzifumana sele exakeke noNkunzi. UNkunzi uyinto yonke umyeni wakhe uBrandon angayiyi: Unobungozi, ungumntu ongxamayo, akaqikeleleki, kwaye unomtsalane.
USimons uvele okokuqala kule nkqubo ngoLwesine, umhla wesine kweyoMsintsi 2025.
Ukanti, uMnu Dongwe ngumyeni kaMaDongwe kunye notata kaLilly. Emva kokuba ngumyeni onothando nozinikeleyo iminyaka, wenza isigqibo esiqatha sokushiya umfazi nentombi yakhe, ebashiya bengenakhaya. Kangangeminyaka elishumi, wanyamalala.
UMnu Dongwe odlalwa nguNkomo ubuyela engalindelelwanga kwaXaba ngoLwesithathu, umhla wokuqala kweyeDwarha 2025.