Amagqiyazana aphakamise igama leMpuma Koloni kutshanje, uQhawekazi Mazaleni noMelissa Nayimuli.
Image: @glamfuel (X) / @africanbeautyinternational (Instagram)
Amagqiyazana amabini aphakamise iflegi yeMpuma Koloni kwelona nqanaba liphezulu lokhuphiswano loonobuhle eMzantsi Afrika kutshanje. Urhulumente wephondo uvuyisana noQhawekazi Mazaleni (24) othweswe isithsaba sikaMiss South Africa 2025 kunye noMelissa Nayimuli (29) othweswe isithsaba sikaMiss Universe South Africa.
Umsitho kaMazaleni wenzeke ngoMgqibelo, umhla wama25 kweyeDwarha 2025, ngelixa uNayimuli ebebhengezwe ngoLwesithathu, umhla wama22 kweyeDwarha, yinkampani iAfrican Beauty International, ngoku ephethe imvume yokusingatha uMiss Universe SA, ukuba uza kube emele uMzantsi Afrika kuMiss Universe kweyeNkanga.
"Le mpumelelo ayipheleli nje ekubhiyozeleni ukugqwesa kwabo kodwa ikwaqaqambisa italente, ubuhle, nokomelela okuthe gqolo kuvela eMpuma Koloni," sitshilo isithethi sikarhulumente ephondweni uKhuselwa Rantjie.
URantjie uthe impumelelo yabo emangalisayo libhongo elikhulu kunye nenkuthazo kubantu baseMpuma Koloni nakwilizwe ngokubanzi. "Ngaphandle kobuhle kunye nengqondo yabo, babonakalise ukuzinikela okunzulu ekuphakamiseni nasekuqhubeni utshintsho oluhle kuluntu," utshilo.
Inkulumbuso uOscar Mabuyane uyiqhwabele izandla impumelelo yabo, ebachaze "njengesibane sethemba noonozakuzaku bokwenyani beli phondo." Uthe: "Ezi nzwakazi zenze iMpuma Koloni yazingca. Impumelelo yabo kukubhiyozela amandla amaphupha, ukusebenza nzima kunye nokunyamezela.
"Bamele umoya wabantu abatsha bethu abathe gqolo ukoyisa imingeni kwaye baqaqambe kumaqonga kazwelonke nawehlabathi. Siqinisekile ukuba baya kusebenzisa eli thuba ukukhuthaza abanye nokukhuthaza iinqobo zokuthobeka, uvelwano nobunkokeli," utshilo uMabuyane.
UQhawekazi Mazaleni onguMiss South Africa 2025.
Image: Official Miss SA/X
UMazaleni ungowaseGonubie eMonti, kwaye uyingcali yokunyanga intetho (speech therapist) nombhali ozimisele ukunceda abantwana bafunde ukufunda nokubala ngeelwimi zabo. Unencwadi yabantwana ebhalwe ngesiXhosa esihloko sithi, Amasele Amdaka. UnguMiss South Africa wokuqala owazalwa ngeminyaka yoo2000, okanye "i2k" ngamanye.
Unabalandeli abaninzi kumakhasi onxibelelwano apho asebenzisa iqonga lakhe ukufundisa nokwabelana ngezinto ezisondele entliziyweni yakhe.
UMelissa Nayimuli onguMiss Universe South Africa 2025.
Image: African Beauty International/Instagram
UNayimuli uza kumela uMzantsi Afrika kwiqonga lehlabathi eThailand kwinyanga ezayo apho kukhuphisana ooonobuhle abahlukeneyo abavela kumazwe ahlukeneyo ehlabathi. Le nzalelwane yaseGcuwa, enomama ongumXhosa notata waseUganda, isebenza njengomvelisi wemiboniso bhanyabhanya neenkqubo zikamabonakude. Ubonise ubuchule bakhe bokuyila nokubalisa amabali ngethuba wayevelisa inkqubombaliso yakhe ethi Chosi-Chosi.
UMazaleni noNayimuli balandela ekhondweni lenzalelwane yakuTsolo uZozibini Tunzi, owathi ngo2019 waphumelela uMiss South Africa noMiss Universe, esenza imbali njengomntu omnyama wokuqala waseMzantsi Afrika ukuphumelela uMiss Universe.
Urhulumente wephondo uthe huntshu kumanenekazi omabini, iintsapho zabo, nabo bonke abo bathe baxhasa iihambo zabo. "IMpuma Koloni ime ngxi emva kwabo njengoko beqalisa isahluko sabo esichulumancisayo, sokumela iphondo noMzantsi Afrika ngobabalo nenjongo, ngokwenene iMpuma Koloni “likhaya lamaqhawe” ngenene," utshilo uRantjie egameni likarhulumente weMpuma Koloni.