UMphathiswa weCogta eMpuma Koloni uZolile Williams ngethuba ethetha noonondaba ngoLwesithathu.
Image: EC Office of the Premier
Amaqela ohlangulo asakhangela umntwana omnye olahlekileyo noye wakhukuliswa zizikhukhula ezihlasele iphondo leMpuma Koloni kwinyanga ephelileyo. Ngelixa inani labantu abathe babhubha ngenxa yezi zikhukula lilikhulu elinesithathu (103).
Oku kudizwe ngoLwesithathu ngethuba urhulumente wephondo ebenika ingxelo yamva nje malunga nezikhukhula ezenzeke kweli phondo ekuqaleni kwenyanga yeSilimela kwinyanga ephelileyo.
UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yezeMveli (Cogta), uZolile Williams, uthe ikhulu (100) yemizimba sele ifanisiwe kwaye ingcwatyiwe ukuza kuthi ga ngoku. UWilliams uthe imizimba emithathu ayikathathwa, imizimba emibini yachongwa ngoluhlu lukazwelonke oluneenkcukacha zabantu.
"Ababhubhileyo baquka abasebenzi bakarhulumente abahlanu, utitshala omnye kunye nabongikazi ababini, kwakunye nabacimi-mlilo ababini beSebe lezoThutho," utshilo uWilliams.
UWilliams uthumele amazwi ovelwano kwakhona kwiintsapho ezibhujelwe ngamalungu osapho lwazo watsho ebongoza abo basakhangela amalungu osapho alahlekileyo ukuba beze ngaphambili.
"Sibongoza iintsapho ezinamalungu osapho alahlekileyo kwiindawo ezichaphazelekayo ukuba zize ngaphambili. Ulwazi lwenu lubalulekile ukunceda amaqela ohlangulo ukuba afumane abantu abalahlekileyo kwaye baqhubeke neenzame zabo zokukhangela."
Kuthiwa kuye kwasekwa igqiza elisebenza ngokusondeleleneyo neentsapho ezibhujelweyo ukuze kuququzelelwe ngokufanelekileyo iinkonzo zokungcwatywa kwabo bonke ababhubhileyo.
Isithili saseOR Tambo kunye neAmathole ngooMasipala abathe bathwaxwa kakhulu zizikhukhula. Ezinye iindawo ezithe zachaphazeleka ziquka iAlfred Nzo, isithili saseChris Hani, iJoe Gqabi kunye neSarah Baartman.