UJaquin Assam olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseGqeberha acela uncedo kuluntu ekufumaneni uJaquin Assam oneminyaka elishumi elinanye (11) waseVastrap, eBooysens Park, eBethelsdorp ogqityelwe ukubonwa ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeSilimela 2025.
Amapolisa akwicandelo elijongene nobundlobongela kusapho, ukukhuselwa kwabantwana kwakunye namatyala ezesondo eGqeberha aphethe eli tyala. Ngokwesithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg, kulo mhla ukhankanyiweyo ngasentla, uJaquin wacela umntu omdala ahlala naye ukuba aye eCentral ukuze atyelele umama wakhe, akazange amvumele ukuba ahambe kodwa ekuhambeni kwemini waphuma endlini.
"UJaquin wazisa umntu omdala ahlala naye ukuba uyokudlala nabahlobo bakhe. Akazange aphinde abuyele ekhaya kwaye iinzame zokumfumana azizange ziphumelele. Kwabikwa ukuba ulahlekile eSAPS Bethelsdorp ngoLwesihlanu we4 kweyeKhala 2025," utshilo uJanse Van Rensburg.
Amapolisa acela nabani na onokuthi ancedise ekufumaneni uJaquin Assam ukuba atsalele ngokukhawuleza uWarrant Officer Simphiwe Siyolo ku079 896 7335 okanye ku041 401 3000. Basenokutsalela iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye batyelele isikhululo samapolisa esikufutshane nabo.