INkundla ePhakamileyo ithathe icala likaMphathiswa uGwede Mantashe kwityala lokunyelisa elibandakanya izityholo ezenziwe kumakhasi onxibelelwano.
Image: GCIS
Inkundla ephakamileyo yaseGoli ithi zibubuxoki izityholo ezenziwe nguZakhele Zuma ngakuMphathiswa weziMbiwa uGwede Mantashe, ebanga ngelithi wafumana izigidi ezingamashumi amane eerandi (R40 million) esuka kwiEast Rand Proprietary Mines (ERPM) ezazenzelwe abasebenzi bomgodi.
Inkundla ifumanise ukuba amabango kaZuma, awenze kwikhasi likaTikTok nakwamanye amaqonga onxibelelwano, akanasihlahla.
Esi sigwebo silandela isicelo esingxamisekileyo esafakwa nguMantashe kweyeSilimela, efuna ukuthintela uZuma ukuba angenzi ezi zityholo.
UMantashe ebekhe wavula ityala lokuthotywa kwesidima ngabom nangokungekho mthethweni kwisikhululo samapolisa eBrooklyn ePitoli kweyeSilimela emva kokuba uZuma emtyhole esidlangalaleni ngokusilela ukuhlawula amashumi amane ezigidi zeerandi (R40 million).
Ngokweengxelo, xa iERPM yavalwa ngo1999, malunga nabasebenzi abangama4000 bachaphazeleka.
Uninzi lwabo lusebenze phantsi kweemeko eziyingozi, kwaye kukho amabango okuba iNational Union of Mineworkers (NUM), ngoko phantsi kobunkokeli bukaMantashe – yafumana imali yentlawulo egameni labasebenzi kwaye yabathembisa ukuba iza kuyityala le mali.
UMantashe uwakhabile kaninzi la mabango.
Kumaphepha asenkundleni, uMantashe uthe uZuma usaqhubeleka nokupapasha iingxelo ezibubuxoki nezinyelisayo kwaye akakwazanga ukunika ubungqina okanye ukumvulela ityala lolwaphulomthetho.
UMantashe umi ngelithi ezi zityholo zinyhashe ilungelo lakhe elikumgaqo siseko lesidima kunye nesidima seofisi akuyo.
"Ezi zizityholo ezinobuzaza nezijongela phantsi ilungelo lakhe elikumgaqo siseko lesidima kunye negama leofisi akuyo," atsho amaphepha enkundla.
UMantashe ukwatyhole ukuba iingxelo zikaZuma zixhokonxe intiyo kwaye zibeka ukhuseleko lwakhe emngciphekweni, nanjengoko ababengabasebenzi beERPM bakhokelelwa ekubeni wayeyithathile imali ebilungiselelwe bona.
Ukwathe ukusilela kukaZuma ukunika nabuphi na ubungqina, okanye ukumnika ithuba lokuphendula, kwamosha igama lakhe ngakumbi.
UMphathiswa uthe ukupapashwa okuqhubekayo kwezi zityholo kube nefuthe kubume bakhe kuluntu kunye noxanduva lomsebenzi wakhe.
UMantashe usebenze njengoMphathiswa weziMbiwa ukususela ngo2018 kwaye kungoku nje ubambe isikhundla kwiSebe leMineral and Petroleum Resources.
UkwanguSihlalo kazwelonke weAfrican National Congress (ANC).
Ucele umyalelo wenkundla othi ezi ngxelo zibubuvuvu kwaye ziyanyelisa, eyalela uZuma ukuba makarhoxise ezi ngxelo, ethintele uZuma ukuba angaziphindi ezi zityholo, kwaye wamyalela ukuba ahlawule umonakalo.
UZuma usichasile eso sicelo waphika nezityholo zokungcolisa igama lakhe.
Nangona kunjalo, inkundla ixelelwe ukuba wasilela ukulungisa umba weendleko zomthetho.
"Andikhange ndibave abachaphazelekayo ngeendleko; ndiza kuwugcina umbuzo weendleko," utshilo uJaji Janse van Nieuwenhuizen.
UVan Nieuwenhuizen ugwebe ngelithi iingxelo zikaZuma “azikho semthethweni” kwaye wamthintela ukuba aphinde enze ezi zityholo okanye enze intetho etyhola ukuba uMantashe wafumana iR40 million kwiERPM.
"Inkundla ibhengeze ukuba iingxelo ezipapashwe ngummangalelwa azikho mthethweni," utshilo uVan Nieuwenhuizen.
Uthe ubungakanani bomonakalo kunye nemiqathango yokurhoxiswa iya kugqitywa ngobungqina bomlomo kwixesha elizayo.
"Ukurhoxiswa kweengxelo kubhekiselwa kubo njengobungqina bomlomo. Iindleko zesicelo esingxamisekileyo zigcinwe," wongeze watsho uVan Nieuwenhuizen.