UMercedes-Benz yeyona nkampani eza kuqhokwa kakhulu yirhafu yeMelika ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo.
Image: Mercedes-Benz
Alicacanga kakuhle ikamva lenkampani evelisa iimoto, uMercedes-Benz South Africa, ngenxa yerhafu engumyinge wamashumi amathathu epesenti (30% tariff) eza kufakwa kwiimveliso eziphuma eMzantsi Afrika.
Oku kuvele kwingxelo ekhutshwe kutshanje yinkokeli yephondo ebamebeleyo, uMnu. Mlungisi Mvoko, emva kokuba uMongameli waseMelika, uDonald Trup, ethumele incwadi eqinisekisa irhafu agxiza ngayo uMzantsi Afrika. Ukusukela oko wabuyela elulawulweni uTrump, kubekho ukuphazamiseka kwicandelo loqoqo ngenxa yokunyusa kwakhe irhafu kwiimveliso ezingena eMelika (USA).
Licandelo lezolimo nelezemoto aza kuchaneka kakhulu aphaeMzantsi Afrika. Kubi kakhulu eMpuma Koloni ngoba uqoqosho layo lusimelele kakhulu ngeenkampani ezivelisa iimoto neziqhamo.
UMercedes-Benz yeyona nkampani yeemoto esele ichanekile kakhulu kwisitshingitshane soqoqosho esiphehlwa yiMelika. Oku kuza kuqhokra kabuhlu abasebenzi baseMpuma Koloni ngoba iimoto ezininzi ezikhiqizwa nguMercedes-Benz kwisebe lakhe eliseMonti (amashumi alithoba epesenti [90%]) athengiswa eMelika.
Umbutho wabathengisi beemoto, iNational Association of Automobile Manufacturers of South Africa (Naamsa), ukhuphe ingxelo ethi lehle kakhulu inani leemoto (82%) ezithunyelwe eMelika kwiinyanga ezintandathu zokuqala zalo nyaka.
Kuthiwa ziimoto ezingaphantsi kwamawaka amathathu ezithunyelwe eMelika kulo nyaka (2025) xa kuthelekiswa neshumi elinesithandathu lamawaka (16 000) lonyaka ophelileyo (2024). Ukungathengwa kweemoto zikaMercedes-Benz kungamnyanzela ukuba avale.
"Imoto ezininzi (90%) ezenziwa nguMercedes-Benz zithengiswa eMelika. Abaphathi bakhe uBenz bathi irhafu yaseMelika iwenza nzima umsebenzi wabo," utshilo uMvoko. Nangona irhafu entsha iza kuqala ngomhla wokuqala kwinyaka ezayo, uMzantsi Afrika ukhangela ezinye iindawo onokuthengisa kuzo iimveliso zawo.
Irhuluneli yeBhanki enguVimba (SA Reserve Bank), uLesetja Kganyago, uthe irhafu yemelika ingenza kulahleke ikhulu lonke lamawaka (100 000) emisebenzi kwicandelo lezeemoto nakwezolimo.