UJohn Hlophe weMK Party ukhwele ezehlela kuMongameli Cyril Ramaphosa ePalamente.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
USekela Mongameli weMK Party kunye nelungu lePalamente uJohn Hlophe uhlasele kabukhali uMongameli Cyril Ramaphosa ePalamente ngoLwesithathu, embiza “njengoMongameli owaphuke ngokungenakulungiseka” kwaye emtyhola ngokuhanahanisa kumba wePhala Phala.
UHlophe ugxeke uRamaphosa ngethuba ethetha kuhlahlo lwabiwo mali lweOfisi kaMongameli kunyaka-mali ka2025/2026, ePalamente emva kwemini ngoLwesithathu.
UHlophe ugxeke apho uRamaphosa emi malunga nokuchasana nobuqhophololo, ebalula ukubiwa kwemali yangaphandle engachazwanga kwisitulo kwifama kaMongameli iPhala Phala.
"Ufihla iidola okonqevu ofihla iimpahla ezibiweyo phantsi komatrasi," utshilo uHlophe ebhekisa ngqo kuRamaphosa.
Ngexesha lentetho yakhe, uRamaphosa uthe thaca ivoti yohlahlo lwabiwo mali egxininise kwizinto ezintathu eziphambili zolawulo lwesixhenxe, eziquka ukukhuthaza ukukhula okubandakanyayo, ukudalwa kwamathuba emisebenzi, ukuncitshiswa kwentlupheko, kunye nokwakha urhulumente okwaziyo ukusebenza, osesikweni nophuhlayo.
Nangona kunjalo, iMK Party ilukhabile olu hlahlo lwabiwo mali.
"Namhlanje simi apha ukuba singahombisi eli gumbi ngamazwi alambathayo, koko sifuna ukuhambisa umyalezo ocacileyo wokuchasa nenyaniso," utshilo uHlophe.
“Siyikhaba ngokupheleleyo into yokuvota kuhlahlo lwabiwo mali lukaMongameli kunye neNdlu yoWiso-mthetho yeSizwe, oku kungenxa yokuba siyala ukuxhasa ngemali ubuxoki, uhanahaniso, kunye nephupha elingaphumeleliyo.
"Wazoba umfanekiso omfiliba wobomi bemihla ngemihla eMzantsi Afrika, esithi abemi bahlala kwilizwe apho “ixabiso lesonka ligqiba ukuba umntwana uyatya okanye ulala engatyanga na,” nalapho “ithemba libiza imali eninzi kunepetroli."
Phakathi kwezinye izinto uHlophe utyhole uRamaphosa ngokuba “ngumfuziselo worhwaphilizo”.