Iindaba

UNqatha ukukhalimele ukugrogriswa kwabasebenzi endleleni

Abongile Ginya|Published

Le loli ityeli ihlaselwe inabasebenzi kuR61 isendleleni esingise kuKomani ngethuba ibuya apho ibivala khona izigingqi endleleni phakathi kweNgcobo neDutywa.

Image: ECDoT

UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko loLuntu eMpuma Koloni uXolile Nqatha uwukhalimele umkhwa othe gqolo ukwenzeka wokuxhwilwa kweeloli zeli Sebe kwanokugrogriswa kwabasebenzi abasebenza ezindleleni.

Iintetha zikaNqatha ziza emva kokuba ngobusuku bangoLwesithathu kusinde abasebenzi ngokuthi babaleke bebalekela kwilali ekufutshane bekwindlela uR61 emva kokuba beve izithonga zompu kudutyulwa iloli yabo ebebekhwele kuyo. Eli qela labasebenzi belisingise kuKomani ligoduka ligqiba umsebenzi walo wosuku apho bebevala izigingqi ezikwindlela uR408 phakathi kwedolophu yaseNgcobo neDutywa.

"Ukudelela nokuhlasela kuphindelela kwaba nqevu kunazo zonke iimpawu zokuba ukhona umkhambathi osebenzayo kweli phondo ozimisele ukuxhwitha zonke izixhobo zeSebe kwanokugrogrisa abasebenzi ukuze urhulumente angakwazi ukuzenzela ngokwakhe umsebenzi wokulungusa indlela. Urhulumente uzokwenza konke okusemandleni ukuyiphelisa nya le nto usebenza ngokubambisana nazo zonke izintlu zonyanzelo mthetho kurhulumente," utshilo uNqatha.

Ingxelo iqhuba ithi, abasebenzi ukufika kwabo kwimizi ebebalekele kuyo bakuva ukuba iyadutyulwa iloli yabo, bafike batsalela amaPolisa befuna uncedo, nafike iloli leyo isekwindawo  ibidutyulelwa kuyo ingakwazi ukuzihambela ngenxa yokonakala kwe-injini ngethuba ibidutyulwa.

Le loli iye yarhuqelwa kwisikhululo samaPolisa saseCofimvaba. Isithethi seSebe, uUnathi Binqose, uthi isiganeko esinje kokwesithathu sisenzeka nanjengoko bekukho nezinye iziganeko kule nyanga. Kutshanje iqela labarhanelwa bexhobe ngemipu liye lahlasela abasebenzi abebesebenza kwikwari yaseCala, apho laye labophelela abasebenzi emva koko bemka namatayala amahlanu eloli yokugalela, ukutipha ngamanye, bakugqiba baphuma kule kwari ngemoto yeSebe.

Ukanti ekuqaleni kwale veki, kubiwe iloli egalelayo neye yayokufumaneka eXhorha ingaphelanga kwale veki.