Iindaba

Akakaziwa unobangela wePolisa elidubule ababini laphumela kulo!

Abongile Ginya|Published

Kusaphandwa malunga nesehlo esenzeke eCentral, eBhayi, sePolisa elibulele lagqiba lazidubula nalo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kwisiganeko sodubulwano esenzeke kusasa ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo eCentral, eBhayi, nalapho bekubandakanyeka nePolisa ebelingaphangelanga, aye abhengezwa amagama amaxhoba, ngamanina amabini uLisakhanya Labi (21) kwakunye noMonalisa Ojani (20) ze indoda ibenguGodfrey Tholane Seleke (31).

Ingxelo ephuma kuCaptain Sandra Janse Van Rensburg ithi uSeleke uqale ngokudubula aba babini bangamantombazana emva koko wazidubula naye.

Iqwakuqwaku livuliwe kwisikhululo samaPolisa saseHumewood, kwaye uphando lusaqhuba nanjengoko unobangela ungekaziwa.

Lo mmandla uthe gqolo ukwehlelwa zizehlo ezibi zodubulwano nanjengoko amaPolisa esaphanda ngesehlo sokudutyulwa kwesithathu esenzeke eNew Brigthon ngempelaveki apho kudutyulwe uVuyolwethu Quza (29) udade wabo uBapiwe Quza (13). Oneminyaka elithoba usalwela ubomi bakhe esibhedlele.