Iindaba

Iqela iNceduluntu incede uluntu ngeMandela Day!

Abongile Ginya|Published

AbeNceduluntu Support Group eNdevana neengubo abathe bazinikezela kubantu abadala eNdevana belandela kwiphulo leMandela Day.

Image: UTHUNYELWE

Bangapha kweshumi abantu abadala, ingakumbi abo bangasakwazi nokuzihambela abanye bebangelwa yimpilo, abathe bafumana iingubo ezimfumamfuma bexhamla kwiphulo lemizuzu yokukhumbula usuku lokuzalwa kowayesakuba nguMogameli weli uNelson Rolihlahla Mandela, bezinikwa yiNPO yaseNdevana, eQonce, iNceduluntu Support Group.

UVumile Mntwapi, ongumaneja weNceduluntu Support Group, uthi nabo babone kubalulekile ukuba benze umohluko kwabo bangathathi ntweni ngokuthi bolule isandla bebabonelela ngeengubo nanjengoko iselixesha lasebusika eli.

Le NPO usuku lwayo ibiluchithe kwiofisi yayo eseNdevana Higher Primary School. "Siyesanika abantu abaleli ebhedeni abangasenampilo intle, abantu abadala abathuthu ze abasixhenxe bona yabangabantu abangathathi ntweni. SiyiNceduluntu Support Group sikwabulela nenkxaso esithe gqolo ukuyifumana kwiSebe loPhuhliso loLuntu kwiofisi yaseZwelitsha," utshilo uMntwapi.

Lo manejala uqhube wathi kuninzi okwenziwa yile NPO nanjengoko beneekepusi ezininzi ezifana nokujonga kwanokukhathalela kwicala leHIV/AIDS, ukujonga abantwana abangenabo abazali nabaphatheke gadalala.

Uthi bakwanayo nombutho iYOLO ejongene nokuxhobisa abantwana abangamantombazana abaselula ngokweminyaka. Uthi bakwanazo neenqkubo ezijongene nabantwana abangamakhwenkwe apho baye babenamaphulo okubaxhobisa futhi babenazo neengxoxo mpikiswano apho kuba nemixholo emalunga nokutshintsha indlela yokucinga kwabantwana abangamakhwenkwe ukuze bahlale bexhobile bethe qwa ukuze ibengamadoda okwenene ngomso.