Endaweni kaGqirha Nobuhle Nkabane kungena uButi Manamela njengoMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho.
Image: GCIS
UMongameli uCyril Ramaphosa utyumbe uButi Manamela njengoMphathiswa wezeMfundo ePhakamileyo noQeqesho emva kokuba uGqirha Nobuhle Nkabane esusiwe kwesi sikhundla.
Bekukho ikhwelo lokuba uMongameli Ramaphosa makathathe amanyathelo ngakuMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uNobuhle Nkabane. Kutshanje, uNkabane khange aye kwindibano ebalulekileyo ePalamente malunga nokuqeshwa kwebhodi yeSETA. Apho isizathu sakhe yayikukuba kufuneka enze intetho ephambili eBuffalo City TVET College kwikhampasi yaseJohn Knoxx eMdantsane eMonti.
UButi Manamela ebefudula elisekela likaNkabane.
UMongameli Ramaphosa ukwatyumbe uGqirha Nomusa Dube-Ncube, njengoSekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho.
UGqirha Nomusa Dube-Ncube nguSekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho omtsha.
Image: Tumi Pakkies/ Independent Newspapers
"Amava kaGqirha Dube kubunkokeli bukarhulumente aquka ukusebenza njengoMphathiswa weNtsebenziswano kaRhulumente neMicimbi yezeMveli kunye neNkulumbuso yePhondo laKwaZulu-Natal phakathi kwezinye izikhundla," sitshilo isithethi sikaMongameli uVincent Magwenya.
UNkabane kwingxelo emfutshane ubulele uRamaphosa ngokumthemba kwisikhundla soMphathiswa weMfundo ePhakamileyo noQeqesho.
"Kube yinyhweba ukukhokela eli sebe libalulekileyo kwaye ndibulela icandelo nabantu baseMzantsi Afrika ngenkxaso yabo nokundivumela ukuba ndisebenze kwesi sikhundla," utshilo uNkabane.
UNkabane ukwathe usazibophelele ekuboneleleni abantu ngeenkonzo nasekuqhubeleni phambili uphuhliso lwelizwe.