Inkokeli yeEFF uJulius Malema ubize inkokeli yeMK Party uJacob Zuma njengomthengisi.
Image: Imifanekiso egciniweyo
Inkokeli yeEFF uJulius Malema ubize owayesakuba nguMongameli weli nenkokeli yeMK Party, uJacob Zuma, njengomthengisi ngenxa yotyelelo lwakhe lwakutshanje eMorocco apho ebexhasa urhulumente waseMorocco kumba weWestern Sahara.
Urhulumente woMzantsi Afrika usoloko ebonakalisa inkxaso kubantu bomthonyama abangabaSaharawi kwaye ugxeka iMorocco ngokulwela ummandla weWestern Sahara region.
"Elo linyathelo elibonisa ukuba ungumthengisi. Ngoku kukho ubuqili, abasagxininisi ukuba umbutho wabo umi phi kulo mba waseMorocco. Bathi ngoku 'hayi, owayesakuba nguMongameli angandwendwela naliphi na ilizwe kwaye abe nonxibelelwano naye nabani na,'" utshilo uMalema ngethuba ethetha neentatheli kwinkundla kamantyi eMonti emva kokuba ityala lakhe lompu lihlehliselwe umhla wama29 kweyoMsintsi 2025.
UMalema, obengaphakathi enkundleni, uqhubekile wathi: "Akukho mntu ubuza loo nto; sithandabuza ukuba umi phi kunye nombutho wakhe ngokunxulumene neMorocco. Sicace gca, sikwicala labantu baseWestern Sahara, kwaye kufuneka siqinisekise ukuba nabo bayayifumana inkululeko yabo kobu bomi."
IEFF ibisoloko isithi soze izibandakanye norhulumente wobumbano kazwelonke (GNU) ukuba iDA isekwiGNU. Kubekho ukubona ngasonye kwiGNU apho iDA igrogrise ngokuyishiya izihlandlo eziliqela.
Ebuzwa ukuba iEFF imi phi kumba weGNU, uMalema uthe ngumba wolunye usuku kodwa bajonge izinto ezenzekayo ngeliso elibukhali.
"Namhlanje [ngoMvulo] silindele impendulo kaMongameli kuba simbhalele ileta esemthethweni simcela ukuba arhoxise ukuchongwa kukaCachalia njengoMphathiswa [wamaPolisa] obambeleyo kuba akavumelekanga.
"Umgaqo-siseko ucace gca, ukwazi uchonga uMphathiswa obambeleyo phakathi kwekhabhinethi, yilonto ungakwazi nokuchonga uSekela Mphathiswa njengoMphathiswa obambeleyo kuba akalilo ilunga lekhabhinethi, iza kuba nzima kengoku le yomntu osuka ngaphandle.
"Ukuba akaphenduli ngendlela efanelekileyo, siza kumthumela kwiNkundla yoMgaqo-siseko, besingafuni ukwenza nje, besifuna ukumnika ithuba lokuba aphinde asiqwalasele isigqibo sakhe. Ukuba ufuna ukuqhubeka ngendlela afuna ukuqhubeka ngayo emenza umkreqi ngokomgaqo-siseko – kungafuneka sithathele ingqalelo loo miba kwixesha elizayo xa sijongana nale miba yeGNU," utshilo uMalema.
UFikile Mbalula ugxeke uJacob Zuma ngokuxhasa iMorocco.
Image: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers
Kule mpelaveki iphelileyo ngeCawe, uNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, ugxeke utyelelo lukaZuma eMorocco. Lo mbutho ukwafuna ukuba urhulumente waseMorocco anike ingcaciso ngokusetyenziswa kweflegi yoMzantsi Afrika ngethuba ebambe indibano noZuma.
"Ukuxhasa kweMorocco nguJacob Zuma ayothusi. UJacob Zuma umele yonke into engalunganga enziwa ngabathengisi. SiyiANC, siza kulwela ukuzimela kwabantu baseSaharawi, simanyene nabo. IMorocco kufuneka iyeke ukuyomisa iintente eWestern Sahara," utshilo uMbalula.
"UZuma akangoMesiya, ungumthengisi, isigqibo sakhe sokwenza yonke le nto ayisothusi. Njengesigqibo sakhe sokuba izinto zeANC aseke umbutho wezopolitiko awubize ngale nto uyiyo, ukohlula abantu bakuthi, nokwenza iANC ibe buthathaka ukuze kuxhamle isiqu sakhe yinto ebesoloko eyiyo," wongeze watsho.