Kufuniswa ngalo tata ungentla uSithembele Sonqishe (61) waseHeckel eCumakala nesele iyiveki yesithathu le enyamalele.
Image: SAPS
AmaPolisa aseMpuma Koloni abongoza intsebenziswano kuye nabanina onokuba nolwazi malunga nokunyamalala kukaSithembele Sonqishe (61) waseHeckel kuBholo kude kufuphi naseCumakala owagqityelwa ngomhla wama29 kwinyanga ephelileyo kweyeSilimela.
Ngokwengxelo ephuma emaPoliseni ithi uSonqishe wagqityelwa kule lali ngorhatya emva kwentsimbi yesixhenxe zange afike emzini wakhe kunangoku. Le iveki iqalayo yeyesithathu kungekho mkhondo malunga nokunyamalala kwakhe nanjengoko kungayekwanga ekhangelwa.
USonqishe unebala elikhanyayo, ngethuba eduka ebenenkqayi entloko, ngasemantla wayenxibe isilamba esiluhlaza semvula enxibe nebhulukhwe eneyivi.
ULieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi ingxelo ithi lo tata uphazamisekile ngokwasengqondweni kodwa kuqinisekisiwe ukuba akakhondlongondlongo kwaye akanabungozi ebantwini nangona nje ephazamisekile
Lowo unolwazi ubongozwa ukuba atsalele uWarrant Officer Siphokazi Peter wesikhululo samaPolisa saseBholo ku082 529 3600.