Iindaba

IFlySafair iyaluvuma ungenelelo lweCCMA

Cwayita Nondula|Published

IFlySafair ivumile inkqubo yolamlo eyonganyelwe yiCCMA.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

IFlySafair kuye kwafuneka ukuba irhoxise ezinye iinqwelomoya kwilizwe lonke njengoko abasebenzi bayo bafuna ukonyuswa kwemivuzo nge10.5%. Le nkampani yeenqwelomoya ekugqibeleni ivumile ungenelelo lweCCMA.

Ngaphambili, abaqhubi beenqwelomoya baye bakhaba ukunyuswa kwemivuzo yile nkampani nge5.7%, befuna imivuzo yabo inyuke nge10.5%.

Umbutho wabasebenzi iSolidarity usamkele isigqibo seFlySafair sokuthatha inxaxheba kwinkqubo yolamlo njengoko iceliwe yiCCMA ngokwecandelo le150 lomthetho iLabour Relations Act.

Uxinzelelo luza emva kokuba malunga ne90% yabaqhubi beenqwelomoya beFlySafair abaphantsi kweSolidarity bebhengeze ukuzimisela kwabo ukuqhanqalaza usuku olunye. IFlySafair iphendule ngokuthatha isigqibo sokuqinisa ukungaboni ngasonye kwaye isoyikisa ngokuvalela ngaphandle abaqhubi iintsuku ezisixhenxe.

NgokukaHelgard Cronjé, onguSekela Nobhala Jikelele kuShishino loLuntu kwiSolidarity, kusekho amathandabuzo malunga nokuba iFlySafair ijongana nale meko ngokungxamisekileyo.

"IFlySafair ithathele phantsi indlela ekuya kuphazamisa ngayo ukubavalela ngaphandle. Kubabetha ezipokothweni kwaye abakhweli bayachaphazeleka.

"Ukanti, iFlySafair ibonakalise ukuba bazimisele ukuqala inkqubo yothethathethwano kuphela ngoLwesithathu. Ngenxa yoko, amawaka abakhweli aya kuchaphazeleka ngaphambi kokuba iFlySafair ize etafileni," utshilo uCronjé.

ISolidarity ithi inethemba lokuba isivumelwano seFlySafair kwinkqubo yolamlo siya kuphawula ukuqala kwezisombululo zokwenyani ezijongene neenkxalabo zabaqhubi babo kunye nokudala indlela yokuphucula ubudlelwane bokusebenza kwixesha elizayo.