Iindaba

Iphume iphaca iNPA ebifake isicelo ngetyala likaOmotoso

Cwayita Nondula|Published

Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha isikhabile isicelo seNPA sokuba sifumane ingcaciso malunga nokukhululwa kukaTimothy Omotoso.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Inkundla ephakamileyo yaseGqeberha isikhabile isicelo seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) sokuba sifumane ingcaciso malunga nokukhululwa kukaTimothy Omotoso.

INPA ifune ulwazi oluthe kratya ngesigwebo sikaJaji uIrma Schoeman kuTshazimpuzi, owathi uOmotoso nabanye ababini awayetyholwa nabo, uZukiswa Sitho noLusanda Sulani, abanatyala kumatyala angaphaya kwamashumi amathathu aquka ukuxhatshazwa ngokwesondo kunye nokuthubeleziswa kwabantu ababejongene nabo.

Kwisigqibo sakhe samva nje, uJaji uSchoeman ugwebe ngelithi umbuso awunalungelo lokucela ingcaciso phambi kokufaka isicelo semvume yokubhena isigqibo senkundla kweli tyala.

Othethe egameni leNPA kuzwelonke, uAdvocate Mthunzi Mhaga, uthi bebesilindele isigqibo senkundla.

"Besilindele ukuba esi [sibheno] sikhatywe ngenxa yokutolikwa gwenxa komthetho wetyala ebesithembele kulo, kuba ngokwalo mthetho wetyala, ukuze siqulunqe ngokufanelekileyo imibuzo yomthetho yesibheno besidinga ukufumana iziphumo eziyinyani ezixhasa isigqibo sokukhulula ummangalelwa.

"Wayibeka ngendlela engalunganga – ndikuthetha oku ngentlonipho – ukuba masibhene kuqala emva koko sifune ingcaciso kamva. Kwesi sigwebo ndisandul’ ukusifunda, uthi ngenxa yokuba ewubhengezile umba, akanako ukulungisa okanye ukusitshintsha isigwebo. Ayizange ibe sisicelo sethu eso, isicelo sethu ibikukucacisa iziphumo ezibubunyani ukuze sikwazi ukuqhubeka nokuqoshelisa ukuyilwa kwemibuzo yomthetho."

UMhaga uthe baza kuqhuba namalinge kwaye ukuba isicelo sabo siyachithwa kwakhona, baza kufaka isikhalazo kwiNkundla ePhakamileyo yeziBheno (SCA).

Lo mfundisi waseNigeria ongundabamlonyeni wabanjwa ngo2017, ejongene nala matyala angaphezu kwamashumi amathathu ekutyolwa wawenza kumalunga ebandla lakhe.

UOmotoso uwushiyile uMzantsi Afrika ngenyanga kaCanzibe kulo nyaka kwaye wathintelwa ukuba aphinde alibeke kweli iminyaka emihlanu.