Iindaba

Kubanjwe abane abayanyaniswa nokubulawa kukaDJ Sumbody

Cwayita Nondula|Published

UDJ Sumbody ongasekhoyo.

Image: Instagram

Ngenjikalanga yangoMvulo, amapolisa abambe amadoda amane aphakathi kweminyaka engama45 nama60 ubudala ngokubandakanyeka ekubulaweni kukaDJ wodumo eMzantsi Afrika, uOupa John Sefoka nowayedume ngelikaDJ Sumbody.

Oku kuza emva komsebenzi owenziwe ligqiza lamapolisa, iSAPS Political Killings Task Team esebenzisana nabacuphi bolwaphulomthetho olucwangcisiweyo lwaseGauteng.

UDJ Sumbody wabulawa yimvula yeembumbulu kweyeNkanga ka2022.

Isithethi samapolisa kuzwelonke uBrigadier Athlenda Mathe uthe abacuphi bolwaphulomthetho olucwangcisiweyo eGauteng basebenze kweli tyala kwaye babandakanya iqela leSAPS Political Killings Task Team ukuncedisa.

"Bonke aba barhanelwa babanjwe eGauteng ngenjikalanga yangoMvulo kwaye abathathu kwabarhanelwa kukholelwa ukuba ngababulali kwaye kukholeleka ukuba omnye uye wayalela ukuba abulawe lo DJ.

"Isixhobo ekutyholwa ukuba sasetyenziswa xa kusenziwa ulwaphulomthetho sathinjwa kwaye sele siyanyaniswa nezinye izehlo zokubulala," utshilo uMathe.

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, ukwamkele ukubanjwa kwabenzi bobubi.

UNjengele Masemola uthi le yinto ezakuthi ngethamsanqa inike uxolo kwiintsapho ezichaphazelekayo.

"Umhle umsebenzi owenziwe ngamaqela aqokelele ubungqina ukusukela kweyeNkanga ka2022. Oku kusisiphumo sokusebenza nzima nokuzinikela kubulungisa.

"Eli lelinye lamatyala antsokothileyo ebekufuneka amaqela ethu athathe ixesha lawo ekuqinisekiseni ukuba kwenziwa uphando olunzulu ukuze ekugqibeleni sizise ityala eliqinileyo enkundleni," utshilo uNjengele Masemola.

Phakathi kwamatyala abajongene nawo aquka ukubulala kunye nelokwenza iyelenqe lokubulala.

Kuthiwa bobane abarhanelwa baselugcinweni lwamapolisa kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kungekudala.