Iindaba

Ubomi ejele kowabulala uceba weANC

Cwayita Nondula|Published

Ubomi ejele kwindoda eyabulala uceba weANC eKZN.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ugwetywe ubomi entolongweni uPhathisakhe Thuthukani Ngiba (28) ngokubulala uceba weANC uZakhele Shezi Khuzwayo owayesebenzela uMasipala waKwaMaphumulo KwaZulu-Natal.

Ugwetywe kwiNkundla kaMantyi eNtuzuma ngoLwesihlanu, umhla we18 kweyeKhala 2025. Ngokwesithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe, amalungu eSAPS Political Task Team aphanda ngeli tyala elakhokelela ekubanjweni kukaNgiba. UNgiba ebeseluvalelweni ukusukela ngo2022 emva kokuba ebanjwe ngetyala lokubulala uceba weANC uKhuzwayo.

UKhuzwayo wadutyulwa wabhubha ngomhla we15 kweyoMsintsi ka2022 ehleli kwisithuthi sakhe.

UMathe uthe uNgiba ukwangumtyholwa kwisehlo apho kwadutyulwa umgqatswa weANC uceba uSiyabonga Mkhize kunye nelungu leANC uMzukisi Nyanga eCator Crest. Lo mba usaxoxwa enkundleni kungoku nje.

UMathe uthi ukusukela kwinyanga yeKhala ka2018, bangaphaya kwe130 abatyholwa abagwetywe ngamatyala ohlukeneyo ayanyaniswa nokubulala nokuhlaselwa kooceba nokwangqinwa ukuba anento yokwenza nezopolitiko. Eli nani liquka abantu abaqeshelwe ukubulala kunye nabo baqesha ababulali.

Amatyala ngakuNgiba ngala alandelayo:

Ityala 1: Iyelenqe lokubulala - Akanatyala

Ityala 2: Ukubulala - Unetyala kwaye ugwetywe ubomi entolongweni

Ityala 3: Ukuba nompu ngokungekho mthethweni - Unetyala, iminyaka elishumi entolongweni

Ityala 4: Ukuba neembumbulu ngokungekho mthethweni - Unetyala, iminyaka emibini entolongweni

UNgiba wabhengezwa njengongafanelekanga ukuba nompu ngokwecandelo 103 (1) lomthetho wama60 ka2000.

Kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, iSAPS Political Task Team yaqinisekisa ukugwetywa kukaSibusiso Ncengwa, nongumbulali walowo wayesakuba yinkokeli yombutho wolutsha weANC uSindiso Magaqa, iminyaka engama25.