INdlu yoWiso-mthetho yeSizwe ipasise uMthetho oYilwayo woLwabiwo-mali wowama2025 nowama2026 wamasebe.
Image: Picture: Armand Hough
Umthetho osayilwayo wolwabiwo-mali ka2025 nowama2026 kuwo onke amasebe uphunyeziwe, ngenkxaso evela kwiDA, PA, IFP, ActionSA, BOSA, Rise Mzansi, phakathi kweminye imibutho, ngelixa iMK Party, EFF, kunye neATM ziwukhabile lo mthetho uyilwayo.
Esi sibhengezo senziwe kwindibano ebiseCape Town International Convention Centre ngoLwesithathu.
Le ndibano ibibandakanya ukunikezelwa kwengxelo yeKomiti eSisigxina yoLwabiwo-mali, ingxoxo mpikiswano, iivoti zohlahlo lwabiwo-mali lwamasebe, kunye nofundo lwesibini lomthetho oyilwayo – inyathelo lokugqibela elifunekayo ukuze kupasiswe uhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe.
Ukuvota bekuqhutywa ngesandla, ababhexeshi bamaqela bebhengeza indlela amalungu abo avote ngayo.
Ilungu lePalamente ngalinye belivunyelwe ukuba libonise ukuba linqwenela ukuvota ngokwahlukileyo kumbutho walo, nangona kungekho namnye okwenzileyo oko.
Ubuncinane bamalungu ePalamente angama201 bebefuneka ukuze ivoti iphumelele, njengoko iNdlu yoWiso-mthetho inamalungu angama400.
UMthetho osaYilwayo woLwabiwo-mali ubufuna isininzi seevoti ezingama201 ubuncinci ukuze upasiswe.
IAfrican National Congress (ANC) enezihlalo ezili159, incediswa yiDA enezihlalo ezingama87, izihlalo ezili12 zeIFP, ezili9 zePatriotic Alliance, ezi5 zeFreedom Front Plus, ezi5 zeActionSA, ezimbini zeAfrican Christian Democratic Party, ezimbini zeUnited Democratic Movement, ezimbini zeRise Mzansi, ezimbini zeBOSA ezibini, esinye seAl Jama-ah, esinye sePan Africanist Bill, kunye nesinye seGOOD Congress, zivotele ukuxhasa lo mthetho uyilwayo.
Ekugqibeleni abantu abangama262 bavotela lo mthetho uyilwayo, abangama90 bavotela ngokuchaseneyo, kwaye akukho mntu urhoxileyo. Umthetho oyilwayo wavunywa ngolo hlobo.
Phakathi kweevoti ezichasene nalo mthetho uyilwayo yiMK Party (iivoti ezingama51), iEFF (iivoti ezingama36), iATM (ivoti enye), iNational Coloured Congress (ivoti enye) kunye neUnited Africans Transformation (ivoti enye).
Ingxaki encinci ethe yavela ngexesha lenkqubo yokuvota kungethuba inkokeli yeAl Jama-ah uGanief Hendricks ebange ngelithi omabini amalungu eqela ebekhona kwaye avota. Kwavela kamva ukuba ebeyedwa.
“Ndiyaxolisa, sekela Somlomo ohloniphekileyo, inokuba usaxinge kwindlu yangasese,” utshilo uHendricks.
Ilungu lelungu leEFF uMarshall Dlamini umemelele ukuba uHendricks asiwe kwikomiti yokuziphatha emtyhola ngokulahlekisa iNdlu.
Usekela Somlomo uAnnelie Lotriet uphendule ngelithi bekungafanelekanga kutyholwe ilungu ngokuxoka ngaphandle kwenkqubo [yokuqinisekise ukuba uxokile], watsho esithi uDlamini wophule imithetho yePalamente.
Ngaphambili kule ndibano, ilungu leEFF ePalamente uOmphile Maotwe uthe umbutho uza kuwukhaba lo mthetho uyilwayo, etyhola usihlalo weDA uHelen Zille ngokusebenzisa uhlahlo lwabiwo-mali lwesizwe njengesixhobo sokulwa kwiGNU.
“Kwiinkokeli ezikwiGNU, zikhokelwa ngumphathi oyintloko uHelen Zille, uhlahlo lwabiwo-mali sisixhobo sokulwa imilo yezopolitiko,” utshilo uMaotwe.
Ngaphambili iDA ibikhe yagrogrisa ngokuwuchasa lo mthetho uyilwayo ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa akathathi manyathelo ngakuMphathiswa weMfundo ePhakamileyo ngelo xesha, uGqirha Nobuhle Nkabane, lo mbutho wawumtyhola ngokulahlekisa iPalamente ngokuchongwa kwamalungu kwiibhodi zeSector Education and Training Authority (SETA).
URamaphosa ususe uNkabane ekuqaleni kwale veki, wabeka obesakuba nguSekela Mphathiswa uButi Manamela kwisikhundla sakhe, waze wachaza owayesakuba yiNkulumbuso yaKwaZulu-Natal, uGqirha Nomusa Dube-Ncube, njengosekela Mphathiswa omtsha.
IDA ithe ixhase lo mthetho oyilwayo kulandela olu tshintsho.
ULotriet ubhengeze ngokusesikweni ezi ziphumo: “Iziphumo zezi zilandelayo: Ewe 262, Hayi 90, akukho mntu ungavotanga.”
Emva koko wayalela ukuba kufundwe lo mthetho uyilwayo okokuqala.