Iindaba

Kuphandwa ngetyala lenqununu ethuma abantwana bayokuyichithela ilindle kwisikolo saseRhini

Abongile Ginya|Published

Abahlali phambi kwesikolo iMasakhane Combined School eSeven Fountains eRhini bakhala ngenqununu ezithuma epheyileni kwiofisi yayo yakugqiba ithume abantwana bayokuchitha kwindlu yangasese.

Image: Grahamstown Anti Crime

Abahlali baseRhini bavuke ngentseni yangoLwesibini ngale mini bekuvulwa ngayo izikolo bayokuvala kwisikolo iMasakhane Combined School nesikwiifama zaseRhini, eSeven Fountains, ngenxa yomsindo emveni kokuba umama oyinqununu kwesi sikolo etyholwa ngokuba uzithuma ngaphakathi eofisini yakhe epheyileni akugqiba athume abafundi ekubeni bayokuchitha eli lindle lakhe kwindlu yangasese.

Abahlali bathi akukho kokuqala lo mama eyenza le nto, yiminyaka waqhubekeka kuba ebona abantwana bengakwazi ukuzithethela. Inkokheli yabahlali eRhini, uSiyabonga Bashe, uthi le nto ibavise kabuhlungu kakhulu bengabahlali nabazali babantwana, uthi le nto iqale ukuvela kwikhasi lonxibelelwano laseRhini, 'iGrahamstown Anti Crime'.

"Bendingenalo ulwazi ukuba kunento enje kwesi sikolo. Kwindibano nabazali kuye kwavela ukuba sekuneminyaka le nto isenzeka kwaye ayiqali ukwenzaka. Ngoku, singabazali nabahlali, esikufunayo kukuba lo mama makahambe kwesi sikolo.

"Okusivisa kabuhlungu kukuba ootitshala besi sikolo bathe baza kuhamba nabo ukuba inqununu yabo iyahamba. Sithe kulungile mabahambe, iSebe liza kusiphathela abanye ootitshala kuba into esingayifuniyo kukuvalwa kwesikolo, kungenjalo masivalwe ke kunokuba kuhlukunyezwe abatwana," utshilo uBashe.

UBashe uthi okunye abakunqwenelayo kukuba abantwana bafumane uloluleko ngokomphefumlo.

Ingxelo ithi indibano yayibanjiwe nge25 kweyeSilimela kwinyanga ephelileyo malunga nesi sehlo, bathi ukuze babe izolo [ngoLwesibini] bavingcela esi sikolo kwakhona kuba ababoni ntshukumo yenzekayo malunga nendibano ababenayo kwinyanga ephelileyo.

AmaPolisa azingqinile ezi ngxelo zokuba ityala likhona kwaye aphanda ngetyala lokunyhashwa komthetho wokukhuselwa kwabantwana uAct 38 of 2005'. Oku kuza emva kokuba omnye wabazali babantwana besikolo iMasakhane Combined School wathi wavula ityala ngomhla wama27 kweyeSilimela kwinyanga ephelileyo

UCaptain uMarius McCarthy uthi idokethi leli tyala likwiNPA ukuze lithathe isigqibo.

Iingxelo zithi iSebe lezeMfundo lisayinqumamisile okwethutyana le nqununu nanjengoko isekhayeni.