UXoliseka Bathandwa Lali odutyulwe wabulawa kuMvulo weveki ephelileyo.
Image: FACEBOOK
Abasekho abathathu, ngoku sele kukho abarhanelwa abane abajongene netyala lokubulawa kukaXoliseka Lali (43) obenguMbhexeshi kwiBhunga likaMasipala waseMalahleni nentloko yeSebe loPhuhliso lweziSeko noZinzo loLuntu.
Ingxelo ephuma kumaPolisa aseMpuma Koloni idiza ukuba ubanjwe ngoLwesithathu kwidolophu yaseMthatha umrhanelwa wesine.
UBrigadier Nobuntu Gantana uthi umrhanelwa wesine usebenzisane namaPolisa kuba uye wayokukhombisa abecuphi kwindlu yetshomi yakhe apho kufunyenwe imipu emithathu nengenazo impepha kwafunyanwa neembumbulu. Le mipu ithathiwe kwaye iza kuhlolwa ukuba ayinanto yakwenza nolunye ulwaphulomthetho kusini na.
UGantana uthi umrhanelwa wesine uza kubuyela kusasa umhla wokuqala phambi koMantyi wakuKomani malunga netyala lokubulawa kukaLali. Itshomi ekufunyenwe kuye imipu emithathu uvele kwiinkundla zamatyala zaseMthatha namhlanje, uLwesine, malunga nokuba nemipu engekho semthethweni.
Umrhanelwa wesine wongeza kubarhanelwa abathathu nabavele enkundleni ngoLwesithathu, abo ngowasetyhini uBaviyise Mdingi, uMvuzo Mafaya kwakunye noSonwabile Siko.
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, usigxeke kabukhali isenzo sokudutyulwa ngokungenalusini kukaLali.
UNqatha uthi ukubanjwa kwaba barhanelwa kuza kukhokelela ekutshutshisweni kwesi sine ukuze nosapho lukaLali lufumane ukuxola kwaye nengalo yomthetho ibonakale ingakubo.
ULali udutyulwe kuMvulo weveki ephelileyo ekwigumbi lakhe kuKomani, ze abarhanelwa abathathu babanjwa kuMvulo wale veki eMthatha. Abarhanelwa baza kubuyela kuLwesithathu weveki ezayo umhla wesithandathu bangaphakathi eziseleni.
UMajor General Thandiswa Kupiso uqhwabele izandla oogxa bakhe ngomsebenzi omhle nokhawulezileyo.