Iindaba

Kubanjwe umama namadoda amathathu ngokutshayisa umntwana iziyobisi

Jonisayi Maromo|Published

Umama namadoda amathathu babanjwe emva kwevidiyo ejikelezayo apho benza inkwenkwana itshaye iziyobisi.

Image: Screengrab/IOL

Abantu abane bavele phambi kweNkundla yeNgingqi yaseGoli ngoLwesine, bejongene nezityholo eziquka ukuxhaphaza umntwana, emva kokuba ividiyo ebonisa inkwenkwana, 4, etshaya uhlobo lweziyobisi ekuthiwa yimandrax kumbhobho iye yasasazeka kumakhasi onxibelelwano.

Aba bantu bane, kuquka nomama wale nkwenkwe eneminyaka emine ubudala, bagcinwe eluvalelweni de kube ngoMvulo weveki ezayo. Aba bane baphinde batyholwa ngokuzama ukubulala ngokwenza umntwana afunxe iziyobisi.

Amalungu oluntu namagosa emibutho yezopolitiko adibane ngaphandle kwenkundla, egxeka izenzo zabatyholwa abane.

NgoLwesithathu, i-IOL inike ingxelo yokuba iSebe lesiPolisa likaMasipala waseGoli (JMPD) libhengeze ukubanjwa ngokukhawuleza kwabantu ababandakanyekayo kwividiyo, apho umntwana wayekhuthazwa ukuba atshaye umbhobho.

Le vidiyo iye yasasazeka, nto leyo eyakhokelela ekubeni kwabelwane ngolwazi, nekukhokelele ekubanjweni kwaba bantu. Ipolisa eliphuma kwicandelo losapho, abantwana kunye nolwaphulomthetho lwezesondo (FCS) nalo lisenokuba sengxakini emva kokuba lixelele ummangali ukuba baza kujongana nesi sikhalazo “ngomso”.

Le vidiyo yabonisa inkwenkwana elayitela iziyobisi umama wayo, owathi emva koko wayikhuthaza ukuba itshaye, konke oko kusenzeka kukho abantu abadala.

USuperintendent Xolani Fihla, isithethi seJMPD, uthe ngoLwesibini, amagosa ecandelo leJMPD K9, ngethuba ejikeleza ngokwesiqhelo, afumene ulwazi oluchonga abarhanelwa ababonwe kwividiyo kunye nendawo abakuyo.

"Amagosa akhawuleza aphendula kule dilesi ebinikiwe eNewclare. Athe akufika, afumana lo mama, ohambelana nenkcazelo ekwividiyo. Uthe akubuzwa, waxela abanye ababini ababekho kule vidiyo, kuquka nalowo ebephethe ifowuni ebeshicilela le vidiyo," uthethe watsho uFihla.

Amagosa aya kubarhanelwa abachongiweyo, azazisa, aze ababuza malunga nale vidiyo.

"Bobathathu abarhanelwa bazityand’ igila ngokusebenzisa imandrex kwaye bavuma ukuba basishicilele eso siganeko. Abarhanelwa babanjwa kwangoko ngezityholo zokuxhaphaza umntwana nokungahoyi. Iifowuni zabo zohluthiwe njengobungqina," utshilo uFihla.

Bobathathu abarhanelwa bavalelwe kwisikhululo samapolisa eSophiatown.

Umntwana okule vidiyo ukhutshiwe kwikhaya ebekulo wabekwa kwindawo ekhuselekileyo yecandelo leSAPS FCS.

Kusenjalo, umphathi wamapolisa weJMPD, uMkomishinala uPatrick Jaca, ukwamkele ukubanjwa kwaba bantu, esongeza ukuba eli phulo libonisa ukuzinikela okungagungqiyo kweJMPD ekukhuseleni abona bantu basesichengeni.

"IJMPD iyakuncoma ukuphaphama komhlali onike ulwazi, okwenza ukuba kuphenduleke ngokukhawuleza kwaye kwaqinisekisa ukhuseleko lomntwana.

"Lo msebenzi uyimpumelelo ugxininisa ukuzinikela okungagungqiyo kweJMPD ekukhuseleni awona malungu asesichengeni kuluntu lwethu nokuqinisekisa ukuba abo bababeka emngciphekweni bayaphendula ngezenzo zabo," utshilo uJaca.

Kusenjalo, icandelo leSAPS FCS liphendule kumnxeba ophuma kwisikhululo samapolisa saseSophiatown malunga nomntwana oziswe kwisikhululo samapolisa yiJMPD kunye noninakhulu.

Ezinzulwini zobusuku, inkumanda yecandelo leFCS eGoli, uLieutenant Colonel Marema Mogale kunye namalungu akhe basabela ngokukhawuleza kwindawo yexhwayelo.

"Abantu abathathu, umama namadoda amabini, baye bavalelwa ngoko nangoko ngethuba beziswe kwisikhululo samapolisa yiJMPD. Inkwenkwana yasiwa esibhedlele ukuze ifumane unyango emva koko yasiwa kwindawo ekhuselekileyo," sitshilo isithethi samapolisa ephondo laseGauteng uBrigadier Brenda Muridili.

UMuridili ukwaphefumle ngezityholo zokuba kufowunelwe omnye wamalungu ecandelo leFCS malunga nesi sehlo. Kuthiwa ipolisa laxelela ummangali ukuba baza kuphendula kusasa. Ezi zityholo zithiwe thaca kwintloko yecandelo leFCS ephondweni, uBrigadier Phumzile Zulu.

UZulu uyalele inkumanda yecandelo laseGoli ukuba abhalisele uphando.

IFCS yaseGauteng inamacandelo angama22 abekwe ngokucwangcisekileyo kwiphondo liphela, ebonelela ngenkonzo kwizikhululo zamapolisa ezili146.

UMuridili uthe iphondo linabacuphi abangama66 ubuncinane abakulungele ukusebenza emva kweeyure zomsebenzi nabaphuma kwincandelo elikhethekileyo leFCS abajongana namatyala anxulumene nomsebenzi wabo.