Iindaba

Udutyulwe wabhubha oberhafisa abantu ngokungekho mthetweni eNgqeleni!

Abongile Ginya|Published

Amapolisa amdubule wabhubha umrhanelwa ozame ukulwa kuwo eNgqeleni izolo.

Image: Facebook

AmaPolisa aseNgqeleni adubule indoda yabhubha ngelokuzama ukuzikhusela emva kokuba umrhanelwa ethe warhuthula umpu wadubula kuqala kuwo.

UBrigadier Nobuntu Gantana uthi amaPolisa (Vispol) afumene ingxelo ethi kunendoda exhobe ngompu nekukholelwa ukuba lilungu labarhafisa ngokungekho semthethweni into eyaziwa ngokuba yiprotection fee. 

UGantana uthi yenzeke emva kwentsimbi yesihlanu ngakwibhulorho yaseButhongweni, eMabheshe. Kwindawo leyo yexhwayelo, umrhanelwa ukhuphe umpu kuqala xa kanye amaPolisa ezichaza futhi ecela intsebenziswano. Udutyulwe kumzimba ongentla wabhubha.

Akukho mapolisa enzakeleyo. Kwindawo yexhwayelo kufunyenwe umpu i9 mm ukhuhlwe inombolo yawo kwafunyanwa neembumbulu. Eli tyala linikezelwe kwabeIPID kwaye sele luqalile uphando.