Isizwe samaQhinebe sikhalimela ubundlobongela obusekelwe kwisini, ubugebenga nobuqhophololo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Isizwe samaQhinebe sibongoza ukuba kuthathwe amanyathelo kunye nentsebenziswano ngokuchasene nezenzo zolwaphulomthetho, urhwaphilizo, kunye nobundlobongela obusekelwe kwisini obuqhubeka nokutshabalalisa isiseko soluntu lwethu.
Inyanga yeKhala yaziwa njengenyanga yabasetyhini eMzantsi Afrika. Kwingxelo, ithe ikhathaza kakhulu into yokuba abaninzi abakwizikhundla zolawulo bazityebisa ngorhwaphilizo, logama abona bangamahlwempu besachatshazelwa bubuhlwempu obuqatha.
"Thina, sizwe samaQhinebe, siyala ukuma sibukele kungoko sikhalimele ezi zenzo.
"Kule nyanga, nanjengoko ilizwe lethu lihlonipha ukomelela kwabantu basetyhini, naphambi kokubhiyozela inyanga yamasiko nezithethe, sikhunjuzwa ngentembeko engcwele esabekwa yona ngookhokho bethu.
"Ookhokho bethu balwela ikamva lobulungisa, ukulingana, nesidima somntu wonke. Ngumsebenzi wethu ukuqhubela phambili oku," itshilo ingxelo.
Isizwe samaQhinebe ke ngoko sihlaba ikhwelo kumntu wonke ukuba aqinise idabi lokulwa intswela-bulungisa nokungalingani.
"Kufuneka simanyane, kungakhathaliseki ukuba ngoobani abenzi bobubi – nokuba ngamaziko karhulumente, amagosa karhulumente, okanye abantu. Kufuneka senze wonke umntu aphendule, kwaye kufuneka sikwenze oko ngokuzinikela okungagungqiyo."
Iiszwe samaQhinebe sithi simi namaxhoba olwaphulomthetho, abo baxela ubuqhophololo, kunye nabo basinde kubundlobongela obusekelwe kwisini.
Minyaka le kwinyanga yeThupha, uMzantsi Afrika ubhiyozela inyanga yabasetyhini, ukunika imbeko kwabasetyhini abangaphezu kwama20 000 ababeqhankqalaza besiya kwiZakhiwo zoMdibaniso ngomhla we9 kweyeThupha ka1956, bekhalazela ukwandiswa kwemithetho yePasi kwabasetyhini.