Indoda eyabulala inkosikazi nentombi yayo ifunyenwe ibhubhile emva kokuba izidubule.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Indoda enamashumi amane anesibini (42) etyholwa ngokudubula ibulale intombi yayo eneminyaka engamashumi amabini anesibini (22) kunye nomfazi wayo onamashumi amane anesithoba (49) eNgobozana ngoLwesibini wale veki ezinzulwini zobusuku, ifunyenwe ibhubhile kwingingqi yaseGqathula, ngaphandle nje kwedolophu yaseLusikisiki.
Iingxelo zokuqala zithi ubhubhile ngenxa yenxeba lokuzidubula, nangona amapolisa eqhuba uphando olunzulu, ngokokutsho kwesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana.
UGantana uthi emva kokubulawa kwala mabhinqa mabini, umrhanelwa wabaleka kwindawo yexhwayelo esebenzisa isithuthi sosapho, esathi kamva sabhaqwa ngamapolisa sinyengeziwe.
"Kwaqhutywa ukhangelo de amalungu oluntu eGqathula axelela abasemagunyeni emva kokufumana umzimba wendoda udunduluzile kwithafa elivulekileyo kunye nompu we9mm kufuphi [nomzimba]. Umfi uchongwe njengomrhanelwa obandakanyeka kwezi ziganeko zokubulala eNgobozana," utshilo uGantana.
Amapolisa aseLusikisiki avule idokethi yophando ukuze aqinisekise ngokuthe ngqo iimeko ezingqonge ukubhubha kwakhe.
Related Topics: