Iindaba

Wayokuzinikezela emapoliseni owabulalayo emva kokuhlutshwa ngamaphupha amabi

Abongile Ginya|Published

Isibini saseDuncan Village eMonti sigwetyiwe emva kokuba sabulala umfana simtyhola ngokuba waba iiteki.

Image: IOL

Isibini saseDuncan Village esabulala ugxa waso ngenxa bemkrokrela ngokuba iiteki sigwetyiwe ngoLwesithathu kule veki yiNkundla yeNgingqi yaseMonti.

Ingxelo ephuma kwiNPA ithi umzimba kaYolanda Ntonto (26) wabhaqwa unyengezwe kwindawo yokulahla inkunkuma eSouthernwood ngenyanga yeNkanga ka2022. 

Kuza emva kokuba isibini esigwetyiweyo, uVuyo Rambo Mbulana (43) nogwetywe ubomi kwakunye noAsithandile Ntlanjeni (35) ogwetywe iminyaka engama25, sathi sapakanyela sahlaba uNtonto kuba uMbulana emtyhola ngelithi nguye obe iiteki zakhe.

UNtonto wayehlala kwityotyombe elingasemva kwalo Mbulana eDuncan Village apho umntwana wasesitalatweni waxelela uMbulana ukuba iiteki zakhe uzibone kuNtonto.

Ingxelo ephuma kwisithethi seNPA, uLuxolo Tyali, ithi uMbulana kwakunye noNtlanjeni babiza uNtonto ngethuba ehamba nentokazi yakhe bambiza bembuza ngeeteki de babe bayamhlaba bayambulala, yabe intokazi kaNtonto isalinde ecaleni kwetyotyombe apho ibishiywe khona neyabona konke okwenzekayo.

UTyali uthi emva kokuba bebulele uNtonto esi sibini sathatha imoto sisithi siza kulayisha inkomo abayixhelileyo, nalapho basongela ngeshiti umzimba kaNtonto nowaye wabhaqwa liGosa lezeNdlela elalipatrola eSouthernwood. 

Umzimba kaNtonto wahlala kwindawo yokugcina izidumbu de yabayinyanga yoMdumba ka2023 ungaziwa. Ukuze waziwe uMbulana waxelela umama wakhe ukuba uthe gqolo ukufumana amaphupha amabi wabe sele emxelela ngesenzo abasenzayo. Watsho wayokuzinikezela emapoliseni emva koko.

UMbulana wabanjwa kweyoMdumba ze uNtlanjeni wabanjwa kweyeThupha ka2023. 

INPA isamkele esi sigwebo saba babini.