KUFUNISWA: UNoluthando Jepe (25) waseCawa ogqityelwe ngomhla wama21 kweyeKhala ekhwela kwimoto emhlophe engaziwayo.
Image: SAPS
Kukhangelwa uNoluthando Jepe waseCawa ngamaPolisa aseNemato, nogqityelwe ukubonwa eyokungena kwimoto emhlophe ngomhla we19 kwinyanga ephelileyo kweyeKhala.
Ingxelo kaCaptain Marius McCarthy ithi, uJepe ugqityelwe engena kwimoto emhlophe engaziwayo inombolo yayo. Kukholelwa ukuba wayesiya kwithaveni eNemato eyozonwabisa nongazange abe uyafika kuyo.
UMcCarthy, uthi, kusapho, kwiitshomi zakhe nakwithaveni awayesiya kuyo kubuzisiwe kwaye zange ade afike kuyo de kwavulwa ityala lomntu olahlekileyo emva kosuku enyamalele.
UJepe ngosuku agqityelwa ngalo wayenxibe iimpahla ezinombala omnyama zonke ijezi kwakunye nebhulukhwe.
Onolwazi ngokuba uphi uNoluthando Jepe, uyabongozwa atsalele uDetective Constable K. Nkihlana ku067 062 2522 okanye iCrime Stop ku08600 10111.