UZachariah Johannes Olivier, Rudolph de Wet noWilliam Musora
Image: NPA
Umbuso uwarhoxisile ngokusesikweni amatyala ajongene nomphathi wefama uRudolph De Wet, umtyholwa wesibini kwityala lokubulala elibandakanya ukubhubha kwabasetyhini ababini abathi imizimba yabo yatyiswa iihagu kwifama ekufutshane nePolokwane kunyaka ophelileyo.
UZachariah Olivier, 62, ongumfama, kunye nabasebenzi bakhe, uRodulph De Wet, 20, kunye noWilliam Musora, 48, batyholwa ukuba badubula babulala uMaria Makgato noKudzai Ndlovu eSebayeng, ngaphandle kwasePolokwane, kweyeThupha ka2024.
Amaxhoba kuthiwa ebekhangela ukutya kule fama ngethuba ehlaselwa.
Umbuso utyhola ngelithi emva kokubulawa kwala makhosikazi, imizimba yawo yanikwa iihagu ngelizama ukucima ubungqina.
Imizimba yabo emoshakaleyo yabhaqwa kwindawo ebiyelweyo yeehagu ekupheleni kwaloo nyanga.
La madoda mathathu avele kwiNkundla ePhakamileyo yasePolokwane ngoLwesine.
UOlivier ngumtyholwa wokuqala, uDe Wet ngowesibini, kwaye uMusora abe ngumtyholwa wesithathu.
Ngokwesithethi seGunyabantu lezoTshutshiso eLimpopo, uMashudu Malabi-Dzhangi, izityholo ezibekwe uDe Wet zirhoxisiwe okwethutyana emva kokuba ejike waba lingqina lombuso phantsi kweCandelo lama204 loMthetho weNkqubo yoLwaphulomthetho.
“Umtyholwa wesibini (uDe Wet) ujike waba lingqina lombuso phantsi kwecandelo lama204, nto leyo ethetha ukuba izityholo ebejongene nazo zirhoxisiwe okwangoku kwaye uza kunikela ubungqina,” utshilo uMalabi-Dzhangi.
Uye wachaza ukuba izityholo zikaDe Wet ziya kurhoxiswa ngokusisigxina kuphela ukuba inkundla ifumanisa ukuba unikela ubungqina "ngokungafihlisiyo nangokunyaniseka."
Ummeli womtyholwa wokuqala, uOlivier, ucele ukuba kuhlehliswe ukwenza uphando emva kwesigqibo sikaDe Wet sokunika ubungqina ngakulowo atyholwa naye.
Ityala, neliqale ngoMvulo, limisiwe kwaye kulindeleke ukuba liqhubeke ukusuka ngomhla we6 ukuya nge17 kweyeDwarha 2025.
Aba batyholwa bajongene nezityholo zokubulala, ukuzama ukubulala, nabatyholwa ngokudubula umyeni kaNdlovu ngethuba lesi sehlo –ukuba nompu ongekho mthethweni, kunye nokuphazamisa ubulungisa.
UMusora, ongummi waseZimbabwe, ujongene netyala elongezelelekileyo phantsi komthetho i-Immigration Act ngezityholo zokuba kweli lizwe ngokungekho mthethweni.
UDe Wet, owayesebenza njengomphathi kwifama kaOlivier ngexesha lokubulawa kwaba basetyhini, unike ubungqina kule veki ukuba uOlivier nguye owadubula wabulala aba basetyhini babini.