UMongameli uCyril Ramaphosa uwagxekile amadoda aseMzantsi Afrika adlwengula nabulala oomama nabantwana abancinane.
Image: GCIS
UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, uwagxekile amadoda axhaphaza nabulala oomama nabantwana abancinane.
URamaphosa uvakalise ukungonwabi kwakhe ngoMgqibelo weveki ephelileyo ngethuba esisithethi esiphambili ngomhla woomama emsithweni kaRhulumente obubanjelwe eLimpopo.
Kunzima ukubhiyozela usuku loomama eMzantsi Afrika ngoba ukuphathwa kakubi nokubulawa kwabo yinto ehlala isenzeka yonke imihla futhi nedala unxunguphalo. Oku kwenzeka nakubeni kuthethwa nabantu ngeendlela ezahlukileyo yonke imihla.
URamaphosa uthe kufuneka kufundiswe amadodana indlela eyiyo yokuphatha nokukhathalela oomama nabantwana. "Asikufuni ukuphathwa kakubi koomama nabantwana. Yinto esingasoze siyamkele nanini na. Amadoda okwenyani akabaxhaphazi, akabadlwenguli futhi akababulali abantu ababhinqileyo," utshilo umyalezo wakhe uMongameli awubhekise emadodeni.
Ingxelo yamapolisa yonyaka ophelileyo ngo2024 yathi ngoomama abangaphaya kwamawaka amahlanu (5 578) nabantwana abangaphaya kwewaka namakhulu amathandathu (1 656) ababuleweyo kunyaka ophelileyo. Kanti kwikota yokuqala kulo nyaka, amapolisa athe bangaphaya kweshumi lamawaka (10 688) abantu abadlwengulweyo eMzantsi Afrika.
Kwiphondo leMpuma Koloni, ziindawo eziquka iGqeberha, uMthatha neLusikisiki eziphala phambili ngolwaphulomthetho. Ngaphezulu kwempathombi, uRamaphosa umemelele ukunyuselwa koomama kwezolawulo bafunqulwe nakwezoqoqosho.
"Kufuneka kuvulelwe oomama amathuba emisebenzi engcono, kwicandelo lezoshishino, kwezezimali ukuze bakwazi ukuthatha inxaxheba ngokupheleleyo kuqoqosho lelizwe," utshilo uRamaphosa. Usuku loomana lisuka kwisiganeko esenzeka ngonyaka ka1956.
Oomama benza umngcelele oya kwizakhiwo zikaRhulumente wocalucalulo ePitoli - apho bavakalisa khona ukungahambisani kwabo nendlela abantu abamnyama ababephethwe ngayo. Phantsi kukaRamaphosa kukho umthetho othi isixa esithile seethenda (40%) masinikwe iinkampani zoomama.
"Ndifuna ukucela urhulumente wephondo (Limpopo) ukuba ahloniphe oomama baka1956 ngokuqinisekisa ukuba oomama baphila ubomi babo ngesidima bazifumane neenkonzo zoluntu. Nangona umakulinganwe iyinto ephambili kuthi - kodwa isekhona imiqobo. Ukuba singanikezela, isizukulwana esizayo sobe sifumane nto," utshilo uRamaphosa.