Iindaba

Kufunyenwe imipu emithandathu kwaze kwabanjwa abarhanelwa abane eOR Tambo

Cwayita Nondula|Published

Imipu efunyenwe ngamapolisa kwisithili saseOR Tambo.

Image: SAPS

Kufunyenwe imipu emithandathu neembumbulu ngaphandle kwempepha kwisithili saseOR Tambo ngethuba kuqhutywa iphulo lamapolisa kwaye abarhanelwa abane babanjwa kulo mmandla.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uKapteni Welile Matyolo, ngoMvulo we11 kweyeThupha 2025, malunga nentsimbi yokuqala ezinzulwini zobusuku, amalungu ecandelo lamapolisa eMthatha iPublic Order Policing aphumeze isigunyaziso sokugqogqa kwindlu eseNgcolokini, nalapho afumene imipu emibini engenampepha kunye neembumbulu.

"Uphando lokuqala ludize ukuba enye yale mipu yabiwa kuQumbu kuCanzibe ka2022. Indoda eneminyaka engama40 ubudala yabanjwa ngokuba nompu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni (amatyala amabini)," utshilo uMatyolo.

Imipu efunyenwe ngamapolisa kwisithili saseOR Tambo.

Image: SAPS

Kwesinye isiganeko, ngeCawe, umhla we10 kweyeThupha 2025 malunga nentsimbi yesithandathu ngorhatya, uMatyilo uthi iMounted Unit iqhube uhlolo lwezithuthi kwindlela uR411 ngaseNgcanasini.

"Umqhubi (33) wenye yeemoto ezathi zamiswa ngethuba lolo phulo ufunyenwe enompu kunye neembumbulu ezingekho mthethweni. Wabanjwa waze wabekwa ityala lokufunyanwa nompu kunye neembumbulu ngaphandle kwephepha-mvume," utshilo uMatyolo.

Uqhube wathi elinye iphulo elenziwe kwangolo suku lwangeCawe, amalungu eqela lesithili iOR Tambo District Task Team ngoncedo lweCrime Intelligence, agqogqe izindlu ezimbini ezahlukeneyo kwingingqi yaseMcombothi.

Umpu ofunyenwe ngamapolisa kwisithili saseOR Tambo.

Image: SAPS

UMatyolo uqinisekise wathi kwindlu yokuqala, amapolisa athimbe umpu wohlobo lweshotgun oneembumbulu kunye nomnye wohlobo lwe303 assault rifle oneembumbulu, babamba indoda eneminyaka engama60 ubudala. Kweyesibini indlu, kuthinjwe umpu wohlobo lwe9mm pistol (inombolo yesiriyeli icinyiwe) oneembumbulu. Indoda eneminyaka engama24 ubudala yabanjwa.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uqhwabele izandla amalungu ngomsebenzi omhle kakhulu obangele ukufunyanwa kwemipu emithandathu neembumbulu ngaphandle kwempepha-mvume, kunye nokubanjwa kwabarhanelwa abane ngexesha lamaphulo aqhutywe kwiSithili kutshanje.

Abarhanelwa abaneminyaka ephakathi kwama24 nama60 babekwe izityholo zokuba nemipu neembumbulu ngaphandle kwempepha, kwaye bavele kwiinkundla zikaMantyi ngoMvulo ngomhla we11 kweyeThupha 2025.

Umpu ofunyenwe ngamapolisa kwisithili saseOR Tambo.

Image: SAPS