UGayton McKenzie uyalukhanyela ubuhlanga njengoko kukho ikhwelo lokuba makasuswe.
Image: Michael Sherman/IOL
UMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uGayton McKenzie uqinisekisile ukuba uza kuzinikela kuphando kulandela izibongozo zokuba asuswe esikhundleni emva kokusebenzisa igama elinobuhlanga kwividiyo yakutshanje kunye nezinto ezindala azibhale kumakhasi onxibelelwano.
"Andinakuze ndibe netyala lobuhlanga, zama ukundiwisa ngenye into kodwa hayi ubuhlanga. Ndibhale izinto ezingenalo uluvelwano, ezibubudenge nezibuhlungu kwiminyaka elishumi okanye emibini edlulileyo, ndandingumntu oxhokonxa abanye ngabom kumakhasi onxibelelwano (troll) kwaye ndisisidenge. Ndibamba amazinyo xa ndibona eza zinto [ndandizibhalileyo] kwaye ndiyaxolisa ngokwenene. Ndiya kuzithoba kuphando," ubhale watsho kwikhasi lakhe likaX ngoMvulo.
Umbutho iEconomic Freedom Fighters (EFF), iActionSA kunye neAfrican Transformation Movement (ATM) zonke zithi makwenziwe uphando kulandela le vidiyo nezinto ezibhalwe kumakhasi onxibelelwano.
I-ATM ifake isikhalazo sayo kwiOfisi kaMongameli, iPalamente, kunye neKomiti yePalamente emalunga neNdlela yokuziphatha kunye neMidla yamaLungu.
Kwileta yayo, iATM ithe: "Izinto ezibhalwe nguMphathiswa ezithe zavela kwakhona zinezinyeliso zobuhlanga ezijoliswe kubemi baseMzantsi Afrika abantsundu, ulwimi olungathethelelekiyo nolungcolisa kakhulu imigaqo-siseko eyakhelwe phezu kwayo intando yesininzi yethu."
NgokukaMongameli wePatriotic Alliance, akanacalucalulo. Uthe izinto azibhalileyo zibangelwa kukuxhokonxa nje kumakhasi onxibelelwano.
UMcKenzie uqhubeke wabelana ukuba umama wakhe wayengumntu ontsundu kwaye unabantwana kunye nenkosikazi entsundu.
"Ndalwela ubomi bam bonke ndisilwela impatho efanayo phakathi kwabantu abamnyama nabeBala kuba sasilwela umzabalazo omnye," wongeze watsho.